Jump to content

Deda mhlangala endaweni yenyhwangi

Livela

UMhlangala neNyhwangi ziinyamazana eziphants'ukufana ngezimilo zomzimba nemilomo yazo ukuba ziintshuntshute, koko zahlukile ngamabala nangeziqu zazo. Eli qhalo laaqala kubazingeli ngokuhlala bewabona ukweyisana kwawo loo marhamncwa, aqonda kakuhle ukuba uMhlangala uyoyiswa yinyhwangi, ngangokuba uthi yakufika iNyhwangi apho ubukhona selusuka udeda umka kuloo ndawo. Liqhalo athi akufika umntu omkhulu akufika kuhleli umntwana nokuba ngumntu amoyisayo, athi kuye "Deda mhlangala endaweni yenyhwangi."