Jump to content

Amatiletile okuvuselela ulwimi lwesiXhosa

Livela
XSA Spelling Bee Competition
uPelo Magama lwesiXhosa

iQumhru labafundi I Xhosa students Association idibaniselene ne Academy for Multilingualism  ekwi Dyunivesithi yase Freystata. Ibibambe ukhuphiswano lopelo magama lwesiXhosa ngomhla we 17 kweyeThupha 2024, ngomgqibelo ukusukela kwintsimbi yeshumi ukuya kweyesibini. Injongo yolupelo magama kukuvuselela ulwimi lwesiXhosa nokukhuthaza ukugcinwa kwalo. Abathathe inxaxheba bebengamashumi amabini ananye (21), kubo kuye kwakhethwa abahlanu abathe bawongwa ngamabhaso. Inkqubo ivulwe zizithethi ezahlukileyo ezithe zanika umyalezo wenkxaso kolukhuphiswano. Kodwa ke sizakucaphula kwintetho yezithethi ezibini, u Nkosikazi Zoleka Dotwana, no Mnumzana Sinoyolo Nokutywa.

Zoleka Dotwana
Zoleka Dotwana

U Nkosikazi Dotwana uvakalise ukuvuya kwakhe ngeliphulo liqhutywa ngabafundi uthethe wathi “Ndiziva ndonwabile kakhulu ukubona abafundi be Qumrhu le Xhosa students Association bezibandakanya nento entle kangaka kuba kaloku icandelo le Student Affairs lidume kakubi ngeeToyitoyi, kodwa namhlanje sibona elicandelo lisenza into entle’’. Wongeze wathi, iDyunivesithi yase Freystata ayinanjongo zokukhupha abafundi abazi iincwadi kuphela, kodwa abafundi abathi bathathe inxaxheba kwizinto ezibandakanya abafundi, ukubaphuhlisa.

Sinoyolo Nokutywa
Sinoyolo Nokutywa

Logama yena u Mnumzana Sinoyolo Nokutywa uthethe kakhulu ngendlela esiphila ngayo esithi singama Afrika sithatha izinto zethu sizinike abantu basentshona, kwaye sixhomekeke kakhulu kubo ngento yonke kodwa sinazo izandla nengqondo yokuzakhela ubutyebi. Wongeze wathi ngeke ibuye I Afrika ukuba sisakhalela igolide ne silivere eyamnka noondlebe zikhanya ilanga kube kungekho nto siyenzayo ngezi izinto sisele nazo, ezifana nemithini yendalo ethi ikwazi ukwenza amayeza aphilisayo. U Mnumzana Nokutywa uyibethelele into yokuba umntu ukuze azithande akaxhomekekanga komnye umntu, kuba ukuzithanda ubuwena bakho yinto esuka ngaphakathi kuwe hayi komnye umntu. Wakhuthaza ukuba umntu makabeliqhaji kuba ngaphandle koko asoze sikhule, ngoba akukhomntu uyaziyo ukuba umntu ozakukunceda ufezekise amaphupha wakho uzakumfumana phi na. Uvale ke ngelithi ukubuyela eMbo asinto izakusincedisa ncam kodwa singazisebenzisa iindlela zaseMbo sidibanise   namaqhinga okuphila kwilixa langoku, sibe nathi sisakha iMbo yezizukulwana ezizayo.