Amathumbu esikhwenene

Livela

Eli qhalo lithetha into othenjiswa ngayo ube ungasokuze uyifumane, uyirhalele uncame.

Kudala bekusithiwa xa kuthunywa umntwana, Hamba mntwanam, ndiza kukupha amathumbu esikhwenene. Isikhwenene ibiyintaka enqabe kunene, ingenakufumaneka lula, kananjalo ibingenakubulawa lula, kuba ibiyintaka ebhabhela phezulu kakhulu, kubenzima kakhulu nokuyichana naxa sele igityiselwa ngentonga.Ngoko ke ibinqwenelwa ngabantu bonke le ntaka, ange umntu angakhe angcamle inyama yayo, nokuba ngamathumbu ayo. Nabantwana imbala bebehlala bethenjiswa ngawo kuba bebewanqwenela. Babesithi bakuthunywa batsibe kuba benethemba lokokuba bazakunikwa loo nto imnandi bathenjiswe ngayo. Kuhambe-kwahamba amathumbu esikhwenene abhekisa kwizimuncu-muncu zakwamlungu.