Amathumbu

Livela
Umzobo obonakalisa amathumbu omntu

Amathumbu esilwanyana ame okombhobho onjengengobozi ukuze ukutya kunye nenyongo ezivela esiswini zibenakho ukufikelela emathunjini amancinane nakumathumbu amakhulu.

Ilungu lokuqala kumathumbu amancinane kuthiwa yiduodenum. Kulapho ke ukutya kusilwa khona zii-enzymes ubukhulu becala. Ngaphezu koko, amathumbu amancinane afunxa izakha-mziba ezibalulekileyo eziphuma ekutyeni okusiliweyo. Oku akwenza ngemisetyana emincinane okanye ngeemfikimfelane zoboya.[1] Zincinane kakhulu ke ezi zinto, ngathi ziinwele kumadonga angapkathi emathunjini.

Amathumbu amakhulu wona akwabizwa ngokuba ngoogqongo. wona afunxa amanzi, nazo naziphi na ityuwa zomzimba ezishiyekileyo. Akwafunxa neevitamins ezenziwe yigut flora emathunjini. Okokugqibela achitha ukungcola akukhuphe ngeempundu.[2]

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Small intestine: biology of the digestive system: Merck Manual Home Edition" merckmanuals.com 2011 [last update] archived from the original on 24 January 2011 retrieved 9 March 2011 
  2. Maton et al, Anthea (1993) Human biology and health Englewood Cliffs, New Jersey, USA: Prentice Hall ISBN 0-13-981176-1