Amapolisa

Livela
Template:Phakathi

Isipolisa liqela labantu abamsebenzi wabo ikukunyanzelisa imithetho, ukunceda kwiingxaki ezixheshileyo, ukusombulula ulwaphulo mthetho kunye nokuprotection|khusela impahla. abantu abasebenzela isipolisa babizwa ngokuba ngamagosa amapolisa okanye ngamapolisa. Asebenzela kwisikhululo samapolisa. Amapolisa aqeqeshwe kuncedo lokuqala kwaye ayasindisa, kuba amagosa amapolisa asoloko ephakathi kwabantu bokuqala ukufumanisa indawo apho abantu bagulela khona okanye abonzakeleyo, ezifana nengozi yemoto okanye umlilo.

Igunya/amandla[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amapolisa anegunya ngokwahlukeneyo elibanceda ekwenzeni umsebenzi. La mandla ahlukene ngokwamazwe ngamazwe. Uninzi lwamagosa amapolisa anegunya lokubamba abantu, hlola abantu, kunye nokuhlola imizi/iimpahla]]. Maxa wambi aphatha izixhobo ezifana nemipu, ii-batons kunye ne-pepper spray. indawo apho igosa lepolisa linokusebenzisa laa magunya zibizwa ngokuba yi-jurisdiction yawo. Ukuba igosa lamapolisa liphumela ngaphandle kwe-jurisdiction yalo, akavumelekanga ukuba asebenzise igunya lawo. Elinye ipolisa ke ngoko kufuneka liwuthathele kulo lo msebenzi.

Imisebenzi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amapolisa asebenza ngolu hlobo;

  • Aphelisa ulwaphulo mthetho aze akhusele abantu. Akwenza oku ngokuzulazula ehamba ngeenyawo enxibe impahla efanayo okanye ekwiinqelo-mafutha zamapolisa. Kusoloko kuvunyelwana ngento yokokuba ukubona amapolisa kwenza okokuba abantu bazive bekhuselekile noko kwaye ubukho bawo buyazinqanda izenzo zolwaphulo mthetho.
  • Ukuphanda ngolwaphulo mthetho. Oku kuthetha okokuba ngubani na owaphule umthetho. Olunye ulwaphulo mthetho, olufana nokubamba inkunzi okanye ukugebenga luphandwa ngabacuphi.
  • Ukunceda kwiimeko ezingxamisekileyo nezixhaisayo okanye kwiingxaki ezingelolwaphulo mthetho. Asenokuya kwiingozi zeemoto okanye zeenqwelo mafutha, imililo, okanye kubantu abagulayo nabonzakeleyo. Amapolisa asebenza nabacimi mlilo, neenqwelo ezithutha izigulana, kunye nabahlanguli. Asenokulawula iigquba leenqwelo mafutha, ancede nabantwana abalahlekileyo, akhuphele iinqwelo mafutha amatiki, nezinye izinto ezininzi.

Iindawo zamasebe amapolisa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uninzi lwamasebe amapolisa linamagosa alo amaninzi ami kumaqela amabini: iqela le-"patrol" amagosa alo anxiba impahla efanayo, elinye iqela lele-"detective" amagosa alo anxiba impahla eqhelekileyo.

Akusingawo onke amazwe asebenzisa laa magama xa echaza laa maqela amapolisa. E-United Kingdom, umzekelo, amagosa amapolisa azulazulayo enza isebe le-uniform branch", ngeli lixa abachuphi bona besebenza ngaphakathi kwi-CID ("Isebe elijongene nokuphanda ngolwaphulo mthetho"). Amapolisa e-uniforms, ezixhobo nezendlela ekusetyenzwa ngazo angaguquka ngakumbi, kuxhomekeke ngokwelizwe elo. Kwezinye iindawo, amaqela amapolisa aqeqeshelwe imisebenzi ekhethekileyo enjengokusebenza ngobundlobongela, okanye xa imeko imbi kakhulu.

Amagosa amapolisa asePoland nezixhobo zawo

Amapolisa kumazwe ngamazwe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amazwe ngokwahlukana kwawo anamagama ahlukeneyo abiza ngawo amapolisa awo. E-Ireland, abizwa ngokuba zii-Garda. E-Russia, ayebizwa ngokuba zii-Militsiyer de kwango-2012; ngoku, abizwa ngokuba zii-Politsiyer, abusondela kwindlela abizwa ngayo ngesiNgesi ethi "police". Amanye amagama eenkonzo zobupolisa nanga: i-ofisi yesherif, i-ofisi ye-marshal, okanye isebe lokhuseleko lukawonke-wonke. Kwakweli lizwe linye kusenokubakho iintlobo-ntlobo zamagosa ezobupolisa ezinamagunya ngamagunya kwiindawo nakwiimeko ezahlukeneyo, ezifana norhulumente wesipolisa, umkhosi wamapolisa kunye namapolisa engingqi. Kwihlabathi lonke liphela, inani lamapolisa liligcunnabo ngokweenkonzo zobupolisa. Ngokomyinge, angama-303.3 amagosa amapolisa kuluntu olungama-100,000.[1]

Inqwelo yamapolisa aseSpain

Izixhobo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

kumazwe amaninzi, amagosa amapolisa athi alolongwe eqeqeshelwa ukuphatha izabham. Nditso nakumazwe afana ne-United Kingdom, eNew Zealand nakwiRhiphabhlikhi yase Ireland apho uninzi lwamagosa amapolisa lungaphathi zibham, aya esiba maninzi ngoku amapolisa aqeqeshelwe ukwenza oko kuba luya lusanda ulwaphulo-mthetho olunxulumene nezibham. Kuqeqesho ngokusebenzisa Izibham kufundiswa okokuba imipu isetyenziswa kuphela xa ubomi busemngciphekweni.

  1. International Statistics on Crime and Justice, eds. S. Harrendorf; M. Heiskanen; S. Malby (Helsinki, European Institute for United Nations Office on Drugs and Crime (UNODC), 2010), p. 115