Abantwana bakaTiyo Soga

Livela

Naba abantwana bakaTiyo Soga:

Ave Maria

WILLIAM ANDERSON SOGA (5 Janyuwari 1858 - 15 July 1916)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

U-William yinkulu kaTiyo. ngexesha lokuwa kwakhe uTiyo, uWilliam wayeneminyaka eyi-13 kuphela ubudala. Njengogqirha u-William wavula imission ekuthiwa yiMiller mission kufuphi nase Elliotdale, eTranskei eMzantsi Afrika. Ngo 1885, uwilliam watshata inzalelwane yase Scotland uMay Agnes Meikle. Unyana wabo uAlexander RB Soga walandela ekhondweni likayise waba ngugqirha naye. Wazifumana iziqinisekiso zezizifundo eGlasgow ngo1912. Usebenze njengogqirha e-Elliotdale nase Dutywa.

JOHN HENDERSON SOGA (10 Febhuwari 1860 - 11 March 1941)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Nangona ezalelwe apha eMzantsi Afrika u-John, kodwa waswelekela eSouthampton. Waqeqeshelwa ubufundisi ke lo mfo njengoyise. Kodwa yena walufumana eEdinburgh obakhe ubufundisi waza wathwesa ngokusesiskweni isidanga soko ngo1893. Emva koko wabuyela eMzantsi Afrika. Apho afike wavula khona i-mission kwisitishi saseMbonda. Eselapho udibene nenzwakazi u-Isabella Brown, intombi kaChristina (m.s. McKay) noDavid Brown. Kwathi kanti kudibene ukufa neyeza.

ALAN KIRKLAND SOGA (24 Novemba 1861 - 1938, eMzantsi Afrika)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amagama okuqala ale ndedeba ngamagama abazali bakanina uJanet. Lo mfo ufunde ezomthetho, waza wasebenza kwamantyi eMthatha. Ekuhambeni kwethuba ube yi-editor yephepha laseMzantsi Afrika. Yena ke uvele watshata nentomi yomXhosa u-Ellen Mba wakuCentane. Unyana wabo u-De villiers Soga uye waba ngumfundisi waseRhabe.

ISABELLA MCFARLANE SOGA (10 May 1864 - 16 March 1884)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

He was very young when she passed away.

JOTELLO FESTIRI SOGA (1865 - 12 December 1906)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Wafumana isiqinisekiso sokuba ngugqirha wezilwanyana eDick College, eEdinburgh ngo1886. Emva koko wabuyela eMzantsi Afrika apho wafika walwa kakhulu nesifo sezilwanyana ekwakusithiwa 'Ngulindipasi' u-rinderpest ngesiNgesi, ngo-1897. U-Jotello watshata nonzwakazi uCatherine Watson, married Catherine Watson Chalmers, baza bawongwa ngeentombi ezintathu; uCatherine, uMargaret kunye no-Doris.

FRANCES MARIA ANNA SOGA (10 February 1868 - 20 September 1942)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

JESSIE MARGARET SOGA (8 February 1870 - 23 February 1954)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

lo ke ngumathunjana kanina, owathi enomnyaka omnye jwi, wasutywa kukufa uyise, uTiyo.

Kuyavakala ke okokuba kukho omnye umntwana ongazange alunge. Ngesiba sithi basibhozo bebonke abantwana bakaTiyo Soga.

Phambi kokuba alishiye eli ngo1871, wabashiya nomyolelo abantwana bakhe, ingakumbi kwaba wayefuna ukuba bafunde eScotland. Wabaxelela okokuba bangaze babeneentloni ngoyise ongumAfrika. Wayesoloko ebabongoza abantwana bakhe ukuba bangaze balilibale ikholwa lenkosikazi yaseScotland elingunina, umama io wayenomqolo, enyanisekile ekwakhuthele enenkathalo engummangaliso.