AMADODA AMATHATHU
Ngolunye usuku uthe uLepoqo elee kweleentaba esalusa iinkomo zakowabo nje ngemihla yonke, suka wahliwa bubuthongo walala ngenxeni yesithukuthezi.
Iinkomo ezi zakowabo beziyiqhelile kanobom indawo leyo. Ibilidlelo lazo ngeemini ezithile, be ziwazi amacala anengca ende nenencasa. Bezisithi zakufika kwiindawo ezinjalo, ziwise iintloko zazo emhlabeni zikhumathele engceni zingakhathazi.
Namhla bezingekho dlelweni linye nezabanye.
Ngathi ubesathe ncwaba, waza wathi engenamgqaliselo utheni, wabona kufika kuyo le ndawo akuyo amadoda amathathu. akakhange aphaphame ncam, usuke wasesithubeni wanga uyaphupha, waza ngako oko ke akacacelwa kakuhle ngawo.
Aye ambuza into awayeyenza kwelo leentaba, uthe walusa iinkomo zakowabo eMenkhoaneng.
Aambuza nobuntanga abubo, uphendule wathi, uvele kwizithuba zokufika kwalaa madoda mathathu kowabo evela kumaVundle.
Laa madoda aye ajongana, ancuma. "Xa unakana uthi izilimela zakho walibonayo ilanga zingaphi?"
"Zingamayelana neshumi elinesine"
Aye ancuma kwakhona, aza athetha odwa esithi, ulungelelanise kakuhle. "Ngubani igama lakho?".
"NdinguLepoqo." "Njengokuba sikubhaqe kule ndawo ulele ubuthongo obulusizi, igama lakho lobuya liguqulwe libange eli likaLepoqo." "Yakha yaphi na intsomi enjalo?" "Yithi cwaka, kuba elo xesha lofika ungasalilindelanga." "Gxebe khanitsho imvelaphi yenu?"
"Sivela ngasentla-mpuma, sisisizukulwana saabaya bantu bakha bema eNtshwana-tsati kwimihla yamandulo."
"Ukuza kuba lapha kwenu, kungasizathu sini na?" "Hayi bethu, sihamba sibona izihlobo." "Nothini ukutsho?" "Noko ke asikhe sikufihlele njengoko usibuzayo."
"Ukuthi cakatha kwethu apha sasindululwe likomkhulu lethu, ukuba masihamba-hambe phakathi kwesizwe esi, ukuze sithi apho sifumana umzi onosana oluyinkwenkwe silulungise ngolwazi esinalo, khon'ukuze kuthi mhla lwakhula luvelele ewongeni lokongama ebuzweni.
"Okwenene ke siye sanduluka singenzanga sidelo naphike kwelo lakowethu sisisithathu sala madoda uwabonayo asithi namhla".
"Sathembisa ukuba siyakuqhuba njengoko siyaleziweyo. Sithe sisekufuphi namakhaya, sajongana nomzi omalunga nendlela yethu. sibone kuhhonywe ingcongolo kumnyango wenye yezindlu, saqonda ngokwesiko esibe silazi ukuba olu luphawu oluxela ukuba kukho usana olusandulukuzalwa - kukwamdlezana. Sithe sakuba sicele ukuphambuka singene, indlu yavungama yonke saphekuzwa ngamandla izwi lisithi, "kukwamdlezana apha akungenwa."