"Linqweme lentulo"

Livela

Eli qhalo kusemhlotsheni ukuba makube libekho emva kokuba amaXhosa aselenokwezana okukhulu nabaThwa. Ukutsho kukuba intulo asinto idliwayo zizizwe ezimnyama ezinje ngamaXhosa namaZulu. Kuthe ukuze yaziwe ukuba hleli nje yinto etyiwayo, yabonwa kubaThwa. Esi sidlo silinqweme lentulo kuthiwa ibisisidlo esinqabe kunene kubaThwa ebesingafumane sidliwe ngabantu nje ngaphandle kwamaqhawa namachula enene, kwaye nje kunjalo nje sinqabe kuba bekungelula ukuzifumana intulo. Kuthiwa bezithi ukuqinwa kwazo zilaliswe ngemihlana, kubenjalo naxa zosiwayo, kwaye kulunyukelwe ukuba kungabikho nto iyakufumane iphalale phantsi ingatyiwanga. Kuthiwa bekuthi naxa zityiwayo zithatyathwe nganye kancinane, kucongconyiswe ukusiwa kwazo emlonyeni, ithiwe nkwa kamsinya , aze umThwa awuquthe umlomo, kuba esoyikela amafutha azo ukuphalala. Kubantu abamnyama abanjengabeSuthu banaso nabo isidlo ekuquthwa umlomo xa sidliwayo; nakuso akuncokolwa nokuncolwa ngexa esisadliwayo kwanje ngenqweme lentulo. eso sidlo kuthiwa luTshongo, sona asiquthelwa mlomo ngesizathu sokunqaba, nakuyola; kungenxa yokuba singumgubo osuke athi umntu nokuba ukhe wakhohlela, usuke [[Ukuphokokela ngaphandle|uthi bhongo wonke]. apho ke livela khona eli qhalo kusekuvinjwaneni kweli nqweme lifanele abantu abathile kuphela kwanjengenqweme lemkawu.