Libode

Livela

iLibode yidolophi ekude kufuphi noMthatha ikwakude kufuphi ne Port St Johns. Ngagama amafutshane iphakathi kwezi dolophu zimbini uMthatha kunye nePort St Johns ikwiPhondo laseMpuma-Koloni eMzantsi Afrika, Ilibode yidolophi etyelelwa ngabemi abangqungileyo. iSematheni kuba ke abatyeleli abawuvali umlomo ngezinto zemveli kunye nococeko. [1]

Umasipala ufaka inkonzo eziliqela ukuphuhlisa ulonwabo kubatyeleli kunye nokwenza utshintsho ekuhlaleni. Ivenkile ezifana noShoprite, Spargs kunye noSpar. Zincedakele kakhulu ilali ezingqungileyo ngoba azisasokoli ngokuyothenga eMthatha nasePort St Johns.

Imvelaphi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

iLibode yenziwe kwindawo ekuthiwa yiMpondoland, iMpondoland yabandakanywa njenge (Cape Colony) ngo 1894. Ngo 1903 abaphathi beTranskei babumbeka. Ngo 1911 isixeko saseLibode sabandandakanywa njenge sigqeba sabaphathi. Ngo 1935 omnye womhlaba waselibode wahluthwa ngurhulumente weqembu loMzantsi Afrika kwaze kwakhiwa idolophu iLibode yaza yandiswa.

Ezoshishino[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

iLibode yenye yelali ezihlupheke kakhulu, intswela ngqesho ibinyuke yaya ku 85% ngonyaka wama 2008.

Abatyeleli[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kufuphi neLibode kukho (iHluleka Nature Reserve) kunye nolwandle olungama (60km) kunye ne Presely Bay (68km).