Intaba

Livela
Intaba yeTafile IKapa uMzantsi Afrika.


iMount McKinley eAlaska e(USA).

Intaba kukukhukhumala kwendalo okwenzeka emhlabeni apha ngaphezulu yile ndawo ibayincochoyi (okanye incakam). Iba yindawo enyukayo nende kunenduli. Iintaba zisoloko zicingelwa okokuba zizinduli ezibude bazo bungaphaya kwama-600 eemitha (malunga nama-2000 eenyawo), kodwa lo mbono awunjalo kuwo onke amazwe.

iintaba zibalulekile kuba zisoloko zinamanzi phakathi kwazo, kwaye zisoloko zibakho apho aqalisa khona amanzi ukubaleka. Iintaba zinjengezihluzi, ngoko ke abantu bangafumana amanzi ahlaziyekileyo.