UYvonne Chaka Chaka

Livela
UYvonne Chaka Chaka, 2012.

UYvonne Chaka Chaka (wazalwa enguYvonne Machaka ngo1965) yimvumi yaseMzantsi Afrika.

Edume ngokuba y"inkosazana yaseMzantsi Afrika", uChaka Chaka ubesoloko ehamba phambili njengomculi waseMzantsi Afrika odumileyo kwisithuba seminyaka engama shumi anambili 20 years. Iingoma ezifana noo"I'm Burning Up", "thank you mister dj", "I Cry for Freedom", "Makoti", "Motherland" kunye naleyo yayisaziwa ikwathandwa kakhulu "Umqombothi" ("Utywala besiNtu") yaluqinisekisa udumo lukaYvonne.

Le ngoma ithi "Umqombothi" yadlalwa kwisiqendu sokuvula umdlalo wango2004 othiHotel Rwanda.

Imbali ngobomi bakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UChaka Chaka wazalelwa eDobsonville eSoweto. Waba ngumntwana wesibini ukuvela kumabonakude waseMzantsi Afrka. Ngo1981 "uSugar Shack", owayengumboniso wokuchonga abantu abaneziphiwo nezakhono,wamazisa kuluntu lwaseMzantsi Afrika ngokubanzi.

UChaka Chaka waqala ukucula ene-19 ngo-1985 xa uPhil Hollis wabashicileli bakwaDephon wathi wambhaqa e Goli. Ngokufutshane emva koko, icwecwe lakhe lodumo elithi "I’m in Love With a DJ", lakhupha amacwecwe angama-35,000 awathi athengiswa, yaza ke itayitile yale ngoma yaduma izwe lonke.

Ngesaquphe iingoma ezifana no"I'm Burning Up", "I Cry for Freedom", "Sangoma","Motherland" kunye nengoma yakhe yodumo ethi, "Umqombothi" zawuqinisekisa umgangatho kaChaka Chaka njengencutshe kumboniso womculo waseMzantsi Afrika ongumbhanga.

Ukhule nzima ke uChaka Chaka. Uyise wasutywa kukufa xa wayeneminyaka eli-11 wabe yena unina, owayeng umsebenzi wasemakhitshini, ekwakhulisa iintombi zakhe ezintathu ngentwana yomvuzo wama-40eeRand ngenyanga.

Uneediploma ezimbini azifumene kwiDyunivesithi yomMzantsi Afrika, enye uyifumene kwiMfundo yabadala, enye wayifumana kkuburhulumente bengingqi, kulawulo management nemsebenzi. Ufunde nendlela yokuthetha kwiqonga lemidlalo kwikholeji yaseTrinity, eLondon, waza wasifumana isiqinisekiso ngo1997.

Ekhupha amacwecwe ancamisa umxhelo, elinye emva kwelinye, imbasa eyalandela le mpumelelo yamacwecwe akhe iquka iingoma ezifana noo"Burning Up", i"Sangoma", "Who’s The Boss", "Motherland", " Be Proud to be African", "Thank You Mr DJ", "Back on my Feet", "Rhythm of Life", "Who's got the Power", "Bombani ( Tiko Rahini), "Power of Afrika", "Yvonne and Friends" and "Kwenzenjani".

UChaka Chaka bekunye nomyeni wakhe uGq. uMandlalele Mhinga banenkampani yelimousine, unomculo wakhe obizwa ngaye kunye nenkampani evelisa umculo ekuyeyakhe. ngamaxesha athile Ufundisa abafundi abadala ukufunda nokubhala kwiDyunivesithi yaseMzantsi Afrika, uhlalele iibhodi ezininzi zemibutho yesisa nemibutho ekungeyo yaseburhulumenteni, waza wanika inkozo yakhe nakwibhodi yenkampani yabaTyeleli yaseGoli. Ekubalulekeni kwakhe kubizo lwakhe lo kaChakaChaka udibene nabantu abafana noNelson Mandela (wacula kumnyhadala wokuvuyisana nama-85 ezelwe), neNkosazana kunye noOprah Winfrey.

Isidima sikaChaka Chaka njenge"Nkosazana yaseAfrika" bubungqina bokunxhumana kwakhe nabantu basekuhlaleni kwakunye neziphatha-mandla. Nokokuba sele eculela iiKumkani, iNkosazana, ooMongameli kunye namakhosikazi abo okanye neekhonshathi zamashishini; uyakusoloko ebuyela kwabo abathandayo - abalandeli bakhe kunye neentsapho zabaphulaphuli bezixeko ezinkulu zaseMzantsi Afrika, ezilokishini nakumaphandle okanye ezilalini.

U"Mama Africa", uMiriam Makeba wayethetha athi ngaye "Ngumntwana wam!", uHugh Masekela ongeze ngelithi uYvonne ng"umtshana wam oligeza". Amagqala anje ngoDolly Rathebe kunye noDorothy Masuka bamchaza umculo kaYvonne nje "ngento bonke abantu abamelwe kukuyimanmela".

Xa wayebuzwa ngoyena mntu amthamda kakhulu, uChaka Chaka Chaka wathi "Ngumama kuba ubesoloko enam. Umama ukhulise intombi zakhe ezintathu eyedwa ngomvuzo womsebenzi wasemakhitshini. Oko kwaxabisa inkuthazo kunye namandla angummangaliso. Unguxhasi kunye negorha lam. Ukuzalwa kwa ngo1965 eSoweto, kwakungexesha localucalulo ngobuhlanga, lawo kwakungamaxesha okunyuk' umnqantsa, kunzima, kutshis'ibunzi. Utata wayephum'izandla kwezomculo kodwa zange nakancinane akwazi ukuliphumeza iphupha lakhe. Wasweleka xa kanye ndine-11 leminyaka ubudala. Ndifuze abazali bam ngesi siphiwo somculo, ngoko ke umculo yinto ebisoloko isegazini lam. Ndisemncinane ndandibetha inkonkxa engenanto, ndivuthele nentonga yomtshayelo ndiyenza umboko wokucula. Ndandicula kwiikwayala zecawa. Ndiyawuthanda umculo. Ndisikelelekile ngoku sele ndide ndabe ndilusabele ndaluphumeza ubizo lwam, kwaye ndiye ndanakho ukwenza oko utata angazange abenakho ukukwenza." Wendele kuTiny Mhinga ozalana noMavivi Myakayaka Manzini nongumalume kaLebohang Manzini.