Nelson Mandela

Livela
Nelson Mandela
Mandela, ~1937
Mandela

Nelson Rholihlahla Mandela (18 Eyekhala 1918— 5 Eyomnga 2013) Xhosa

Rholihlahla Dalibhunga. UNelson Rholihlahla Mandela wazalelwa eQunu eMthatha wakhulela khona. UNelson Mandela wazalwa nguNosekeni Fanny kunye noGadla Henry Mphakanyiswa. Wafunda kwidyunivesithi yaseFort Hare eseDikeni nedyunivesithi yaseWitwatersrand apho wayefunda ezomthetho khona. Waba lilungu lombutho iANC (African National Congress).

UMandela wayevalelwe kwisiqithi saseKapa (eRobben Island) iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe apho wayesilwela khona inkululeko. Waye wakhululwa ngomhla weshumi elinanye (11) kweyoMdumba ngo1990. Waba nguMongameli wokuqala omnyama kweli loMzantsi Afrika. Utata uNelson walwa ingcinezelo eMzantsi Afrika. Utata uNelson Mandela wayeneqabane lakhe uWinnie Madikizela Mandela owaba ngumfazi wakhe, banabantwana aba thandathu (6), waza kamva kakhulu watshata uGraca Machel. UTata uNelson Mandela wasweleka kunyaka ka2013 kwinyanga yoMnga, wangcwatyewa kwidolophu awazalelwa kuyo eQunu.

emvakweminyaka kwaphatha , u Jacob Nate Zuma wasuka ngoku siphethwe Nguyen Cyril Ramaphosa ukusukela ngonyaka 2019/2020 isizwe sethu sixakene ne ntsholongwane I covid19(Corona Virus 2019)...esisifo sasuka e Wuhung e China .a[ho kuye kwafuneka sinxibe i mask.ukuze singasulelani ..