Maqoma

Livela

Maqoma (1798-1873) waye yinkosi, nentshatsheli yomkhosi yakwaXhosa. Udlale indima enkulu kwiimfazwe yesithandathu neyesibhozo yamaXhosa.[1] Waye dume ngobukhaliphe , nokwazi ukulawula abasemkhosini.

Ingcambhu Yakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uzalwe ngonyaka wama-1798 kwindlu yasekunene kaKumkani uNgqika wamaRharhabe. Ebengangqinelelani necebo likayise wakhe lokunikela umhlaba kwiNtshona Koloni (Cape Colony), lonto ibangele ngonyaka wama-1822 adele abankcinezeli ngobuyela nokwakha obakhe ubkhosi kumhlaba wayesikelwe ukuhlukanisa iKoloni namaXhosa.

Imfazwe Yesithandathu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Empuma Frontier, 1835 ca

Imfazwe yesithandathu yaziwa njengemfazwe yaKumkani uHinsta , kodwa zange iqalwe nguye. Ewe uKumkani uHinsta uncedisile kwelidabi kodwa eyona ngqwayi-ngqwayi yalemfazwe yile ngangalala uNkosi uMaqoma.

Ukubhanjwa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

uNkosi uMaqoma usiwe kabini ngamarhanuka kwanongqongqo  eRobben Island. Ngexha lokuqala uyewavunyelwa ukuba ahlale nomkake kwaye nosapho, kodwa kwelesibini ubhanjwe yedwa. Igosa lasetshetshi elambona ngemizuzu yakhe yokugqibela ngonyaka wama-1873 lithetha kabuhlungu  lisithi "Ilile kabuhlungu lendoda, phamb'koba iwiswe yingugo nokunxuba".[2]

Imithombo esisele kuwo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Chief Maqoma" South African History Online retrieved March 7, 2013 
  2. Meredith, Martin (1997) Mandela: A Biography Public Affairs Books p. 7