Inkobe

Livela

Inkobe[1] zazityiwa kakhulu kwilixesha lakuqala ngamaxhosa kunye nezinye intlanga ezifana namazulu kunye nezinye kabanzi.Kukutya okuthi kutyiwe ngamaXhosa xa sokugqitywa ukuvunwa kwinyanga yesiLimela ebusika. Zityiwa ngenyanga yesilimela kuba umbona ngelaxesha womile ulungele ukuba uhlaliswe kwingxowa zayo sowuchutyiwe kwaye uzitya xa kubanda ukwenzela ukuba umzimba wakho uhlale ushushu ngamaxhesha onke. Uzifumana inkobe eMpuma nkoloni kwi Mzantsi Afrika apho uye ufumana abantu abasabambe amasiko nezithethe.inkobe zinamanzi amnandi anencasa xa uziphekile kwaye inkobe zityiwa ngotata ebuhlanti lonke ixesha xa kuye kwabanjwa udliwano ndlebe ngotata.

Amaxhosa ayazithanda kakhulu kuba kokona kutya kubanika amadla kunye nezakhamzimba ukwenzela balungele ukwenza umsebenzi. Xa utye inkobe uye ungalambi msinyane ziyahlala esuswini ilixa elinde yilonto bathi bazitye xa bezokwenza umsebenzi othi uwenze qelele nekhaya. Inkobe zilungele ukutyiwa nangubani na othi afune ukuzitya kwaxhosa azikhethelanga lubala kuba xa uyintombi nto kukhona ukutya okungamelanga kuthi ukutye kaye nakwinkwenkwe esakhuluyo kunjalo, Ngalomazwi wonke umntu uyazitya.

Sithi isizwe somzi ontsundu ka Ubusika sobuphelile bubeke umbona omnizinzi oqinileyo ukwenzela ukuba isidlo sabo sihlale sifumaneka kuzo zonke amaxesha onyaka. Okukutya kuthi kuphekwa ngamanzi abilisiweyo kunye nochatha oluncinci lwamafutha kunye netyiwa ukwenzela incasa ibekhona kwisidlo. ngengoba kutshintshatshintsha iminyaka kubakho intsana zakulemihla siphila kuwo inkobe azixantyiswanga olahlobo lakuqala apho ziye zityiwe. umntu aze afumane inkobe kumele aye kwindawo ngendawo apho zithi zixatyiswe kuba akusalinywa mbona ngoku kwaye umntu otya inkobe umngangathi wakhe ujongeleleka phantsi kanti inkobe zisebenza umsebenzi oncomekayo emzimbeni omntu kuba ufumana amandla kwaye ucinga ngononophelo.


References[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]