Imikhwa yakwaNtu

Livela

Ibhalwe ngu-H.C

Imikhwa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukunyaniseka[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Le nto ikukunyaniseka, yinto entle nebukeka kakhulu kuzo zonke iintlanga. Nangona ibukeka ngathi inelahleko okwexeshana kumntu oyibambileyo, kodwa ekugqibeleni iba lelona tyholo angazimela ngalo umntu, ukuze abenomahluko kwabanye okanye abenguye kwanye abantu, athenjwe, aphumelele, abe negama eliyakuhlala liqaqambile, athi nokokuba sele kuyiminyaka walishiyayo eli, libe igama lakhe lakhe lisathetha. UThixo wasipha ulwimi lokuthetha inyaniso. Yinto embi kakhulu into yokuxoka komntwana, ize iqandusele ukubambi kumntu omdala into yokuthetha into engeyiyo inyaniso. Ukuxoka ngumkhwa othi wakumqhela umntu, usuke ungabi sahlukana naye, athi kanti naye akasazazi nokuba ehamba nje ulixoki. ngalo lonke ixesha ethetha ucinga okokuba uthetha njengabanye abantu abaqhele ukuthetha inyaniso, aze athi xa ethetha nje, kanti abantu bengathi baphulaphule nje, bamthele nqa kuba bayazi okokuba uyaxoka.

Zininzi iindlela zokuxoka[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukulandula into unayo uthi awunayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Oku kukuxoka okuqhelwe kakhulu nangabantu ebebefanelwe ukuthenjwa.

Ukungabinasifuba[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kukuthi uxelelwe into wayalwa ukuba ungayithethi nakubani na, uz'usuke wena uyithethe komnye umntu wesithathu, ngelithi uyamhlebela. Kukuxoka ke oko kuba kukwaphula idinga nomnqophiso phakathi kwakho nowenu, kwaye usenjenjalo nje ufuna ukubambisa abantu ngolwimi lwakho, ongenakho ukuliqhobosha.

Ukugqwetha intetho yomnye umntu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kukuxoka, ukuyigqwetha ngabom intetho ethethwa ngomnye umntu, ngokunga ingavakala kakubi kwabanye ukuze imenzakalise.

Ukongeza kwintetho[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukongezelela kwinto oyithethayo ngaphezu kokuba ibinjalo, kokunye ukuxoka ke oko.Omnye ude aluteketise olo ngezelelo ngelithi ukhulisa inyaniso. ngaloo ndlela wongezelela kwa obunye ubuxoki. Ithi imbongi yasemlungwini, (uTennyson0, "Inyaniso eyenziwe isizekevu ukuxelwa, obo bobona buxoki budlulisileyo."

Ukubuka udwendwe xa luphambi kwakho ze luthi xa lungekho phambi kwakho uluhlebe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukulubuka udwendwe, ulubonise ubuso obuhle, uthethe kakuhle nalo xa lusephambi kwakho, kanti uzakulusika iimpundu, uluhlebe kwalusathi tshiki, kukungabi nakunyaniseka oko. Kuyinto elungileyo ukuyixela ngobunjalo bayo into oyaziyo wakubuzwa ngayo; kodwa yinto eyahlukileyo nembi ukuhamba upololoza, ugxeka uthetha into ongayibuzwanga. Isimilo sexoki senzakalisa lona ngaphezu kokwenzakalisa abo lihamba lithetha ngabo, lixoka. Yehla! Akwaba uQamata angawapha amadodana neentombi amehlo zethu amehlo, nesipho sokuba bazibone njengoko bebonwa ngako ngabanye abantu.

Imibuliso[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Imibuliso efanelwe ukugcinwa ngabantu yile:

  • Ezinkosini kufanelwe ukuthiwa - A! bani!
  • eluntwini kuthiwe - Bhota! bani!

Le mibuliswana ibubuvuvu ingoo-Royinani! noo-Royindara! Molweni!. Ibifanelwe ukulahlwa kuba yeyasemzini, yaye ingenanto iyithethayo kuthi bamnyama. Akunani nani ukuthi, - "Yitshoni."