Iinkonzo Zeelwimi Zesizwe

Livela

Iinkonzo zeLwimi zeSizwe (National Language Services "NLS") zika-Mzantsi Afrika zinyusa izinga kwaye zikwanika uncedo lonxibelelwano kwiilwimi. Ukugcina iimfuneko zolwimi zoMgaqo Siseko I-NLS ilawula ukungafani kweelwimi zoluntu kwaye inoxanduva lokusebenza ngokumandla zonke iilwimi zabantu bethu ngokuthi ibeke amanyathelo enkqubo yeziphumo ezenziwayo ekunyuseni ukusetyenziswa kwezi lwimi, kwakunye nezo lwimi zingakhathalelwanga ngokwembali.

Umcimbi ongundoqo we-NLS kukufezekisa iimfuneko zolwimi zoMgaqo Siseko ngokunika uncedo, nokunyusa izinga kwakunye nokunika iinkonzo zenguqulelo kunye nokuhlela kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni kunye nokulawula ukungafani kweelwimi ngoyilo lweelwimi kunye namaphulo esigama.

I-NLS isebenza njengendlela yenkxaso yeelwimi zobuchule zikaRhulumente ngokuthi yenze inguqulelo yamaxwebhu asemthethweni kwiilwimi zonke ezisemthethweni. Iinkonzo zesigama zayo zinceda ngenkqubela kunye nohlaziyo lobuchule boluhlu lwamagama lweelwimi ezisemthethweni. Imisebenzi yoyilo lweelwimi iquka ukucetyiswa koRhulumente kwinkqubela yenkqubo yolwimi kwakunye nokuzalisekiswa bobuchule bokuphatha umcimbi.