Iimbali zamaXhosa

Livela
Ngokubhalwe ngu-W.K.N
UMLIBO KAHLEKE

UTshiwo, uHleke noMdange, ngoonyana bakaNgconde. utshiwo waazalwa yedwa kokwabo, uHleke noMdange ngabeqadi lakokwabo. Le nto igama likaHleke lingembalasane, kungokuba engazange aphume kowabo, abe luphondo oluzimeleyo. uthe yena umdange waphuma wanga umka ngokuzingela iinyamakazi, yasuka yathi yonke impi yakomkhulu enevuso yaya kuye, kube njalo ke ukuze abenabantu, abelicala elivakalayo unanamhla. Buthe ke obukaHleke ubukhosi baphela ngokusuka alahle alibale kukujola izifuba zeenkomo komkhulu apho.

Ithi imbali amacala kaHleke ebemane: ibiyindlu eNkulu, ikunene, ilikhohlo, ilixhiba. Kwindlu eNkulu, wazala intombi yodwa, egama linguNtlushe, wathi ekunene wazala uMtyawu, inkulu kwanabanye. Ekhohlo uzele uMtshiza owaya kuthatyathwa, waza kufakwa kwiNdlw'eNkulu, kuba ibingenamntwana uyinkwenkwe. Ubeke yinkulu yomzi.

uthe ke yena wazala uManxa, awamshiya kulo mzi, wabuya yena waza kwaseKhohlo kwicala lakokwabo, eMahobeni. UManxa wazala uXili noVazi bengamawele. Kumfazi wokuqala uXili uzele Xhalata noNongongo. Wathi akuphind'ukuzeka, wazeka intombi yasemaMpingeni, uNokhandlo, ethe yona yazala uBini, uKwankwa noTshethse. UBini lowo wathathwa wasiwa kwindlw'eNkulu. Ngelakhe icala uVazi uyisekazi uzele uMambu, uCata noKula; ekunene uzele uBhadulo, uMpontsi nabanye. Uthe ke uBini akukhula wavulelwa okaXili umzi, akawunikwa owaseMbonjeni. OwaseMbonjeni wanikwa uNquku, intwenkulu kaMtshiza eyayingazalanga.

Uthe tu uBini, ngamhlana uthile, weza kucel'inqoma kuyisekazi esithi uyalamba. Wamlandulela omnye. uthe akulandulelwa wasele suka esiya komkhulu, kwaNgqika, eXhukwane, esiya kumangalela uyisekazi lowo ngokuthi umhlutha umzi. Uye wathi uVazi Loo mzi waseMbonjeni wawunikwa yena ngumkhuluwa wakhe. Lithe iphakathi wawunikwa eyephi uBini? Uthe yena kwathiwa mawugcinwe nguye. Ilandiwe loo nto ifunyenwe ingenabungqina, waza wagwetywa uVazi nguNgqika kwathiwa makazikhuphe zonke ezo nkomo azinike uBini.

Amagxamesi aseMbonjeni ibingawakulo Ntsundwane, nowaseRosheni, nowaseTeke. Kwatshiwo ke kwathiwa makusale owaseMwangwini, usale usaluswa kwanguBini lowo.