Ifilosofi

Livela

Ifilosofi yindlela yokucinga okanye yokuqiqa ngehlabathi, ngephakade, kwanangasekuhlaleni. Ifilosofi yingqokolela yezimvo, ezithe zaphicothwa yifilosofa (umntu ophande nzulu ngeendlela zokucinga ngehlabathi). Apha kwafilosofi, izimvo kuthiwa zilulwazi oluvela noluhlalutywa ngamathamb’engqondo, into ethetha okokuba lulwazi ngezinto ezingenakuphatheka ngezandla okanye zizinto ezingenakubonwa ngamehlo enyama kodwa zinokubonwa ngahlo engqondo". Kodwa ke oku akuthethi kuthi ifilosofi ayinanto yakwenza nezinto esizibona ngeliso lenyama. Umzekelo, indlela emasiziphathe ngayo, ibuza okokuba yintoni na esimelwe kukuyenza kwimpilo yethu yemihla ngemihla, ngokunjalo nemetaphysics ibuza okokuba lisebenza kanjani na ihlabathi, lenziwe ngantoni.


Ngamanye amaxesha abantu bathetha ngendlela abathe banayo ngayo "indlela aqhuba ngayo umntu, nento akholelwa kuyo", into ethetha okokuba yindlela acinga ngayo umntu ngehlabathi. Eli phepha alithethi nga"ndlela abaqhuba ngayo abantu, nezinto abakholelwa kuzo". Koko limalunga nezimvo ekuthe kwacingwa ngazo ziifilosofa (abantu abacinga babhale ngeendlela zokucinga) beyenza loo nto ixesha elide. Amawaka eminyaka iifilosofa bezisoloko zibuza imibuzo, efana nale: "Ingaba lukho ulwazi kakade apha emhlabeni ekunokuqinisekwa ngalo ngokokude ingathandabuzwa nakancinane yindoda ekwaziyo ukuqiqa it?".[1]

  1. Russell, Bertrand 1912. The problems of philosophy. Home University Library.