Ibhola ekhatywayo

Livela
uMhlaseli (ijezi msobomvu) liphezu ukuzivikela
Kwibhola ekhatywayo, eyona njongo iphambili yabalandeli kukukhuthaza iqela labo ngexesha lomdlalo

Intshayelelo ngebhola ekhatywayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ibhola ekhatywayo ngomnye umdlalo othi udlalwe kwibala eline kona ezine kuphela. Lomdlalo waqala, ngesiqikelelo, kunyaka ka-1860 eqalwa ngamadoda aseNgilane. Ibhola ekhatywayo ukuze idlalwe kufuneka kubekho amaqela amabini, iqembu ngalinye kufuneka libenabadlali abalishumi elinanye ebaleni ukuze kuqalwe umdlalo webhola ekhatywayo. Kwibhola ekhatywayo sibano sompempe lo umntu ngulo uye angcine ixesha lomdlalo wonke kwaye ubana makhadi amabini elibomvu nelityheli, apho awakhuphe xa umdlali edlale omnye umdlali kakubi. Siye sifumane nabancedisi sompempe ababini, omnye uma kwelinye icala lebala nomnye kunjalo. Abancedisi sompempe owabo umsebenzi kuku jonga ibhola ephumayo ebaleni kunye nokunjonga abadlali abalalelayo.

Okubanzi ngebhola ekhatywayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Lo mdlalo udlalwa imizuzu elishumi elinethoba. Kodwa kuye kwenzeke kudlalwe imizuzu engapha koko xa kungekho qela liphumelelayo kumdlalo oqhubekekayo. Lo mizuzu iye ibeyimizuzu engama-30 ubude. Ukuba kuye kwenzeka ukuba iphele le mizuzu ingekho iqembu eliphumelelayo kuye kuyiwe emapenal'thini, apho kuye kubonakale iqembu eliphumelelayo. Sinaye nonozindi lo umdlali ngulo uhlala ezipalini, nguye oqinisekisa ukuba akungeni bhola ezipalini. Encediswa ngabadlali abane emva, abobathi bangxininise xa elinye iqembu liqhubela ibhola kwicala labo. [1]

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]