I-Graf

Livela
Le graf ibonisa izinga lokungabikho kwengqesho ngonyaka ngamnye eUnited States.

Igraf ngumfanekiso oyilelwe ukuba uchaze okuthethwa ngamagama, ingakumbi unxulumano oluphakathi kwenani lezinto ezimbini nangaphezulu. ungayibona igraf ngasekunene.  

Igraf elula ibonisa nje ubudlellwane phakathi kwamanani amabini  okanye  phakathi kwemilinganiselo yonke le nto isenziwa ngegrid. Ukuba ngaba le yigraf eluhlobo lwerectangular, le milinganiselo mibini iyakucwangciswa ibe yimigca emibini eyahlukeneyo kwiiright angles zayo yomibini le migca. Omnye ungca kule migca mibini uyakubheka phezulu (the vertical axis). Ukanti omnye umgca uyakuya ngasekunene (the horizontal axis). Le migca ke (okanye le-axes, xa zininzi kuthiwa zii-axis) zidibana apho iphela khona, emazantsi ekona ngasekhohlo kwalapha kule graf. 

zombini ke ezi-axes zinophawu olubonakalayo apha ebudeni bayo.  Khawucinge nge-axis nganye, uthathe nje iruler ezotywe ephepheni.  uyabona ke, umlinganiselo ngamnye uboniswe ngobude bophawu onxulunyaniswa nalo kanye apha kubude bomgca.  

elinye igama legraf yitshathi okanye idiagram. kodwa ke ngoku, itshathi okanye idiagram isenokungayinxulumanisi le nnezinye izinto ezimbini nangaphezulu.  I-Flowcharts ne-tree diagrams ziyimizekelo yeetshathi okanye yeediagrams ezingezograf. 

Ungayizoba njani itshathi engantsokothanga [tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Masithi mhlawumbi ufuna ukwenza igraf ebonisa ubude bakho njengokuba ukhula.  Ungabubonisa ubude bakho usebenzisa umlinganiselo ngeesentimitha ezibheka phezulu kumgca ekuthiwa yi-vertical axis,  uze ubonakalise iminyaka yobudala bakho kulo mgca uxwesileyo ubheka ngasekunene kuthiwa yi-horizontal axis.  

Umzekelo, masithi ubude bakho babuziisentimitha ezingama-60  xa kanye wawunonyaka omnye ubudala, baza bonyuka baziisentimitha ezingama-85 xa wawuneminyaka emi-2 uzelwe,  baphinda bonyuka ubude bakho baziisentimitha ezingama-95 xa uminyaka mi-3 uzelwe.  Apha engqondweni yakho ungazikrwelela umgca ongqalileyo onqumla kuphawu lwesentimitha ezingama-50  ubude kumgca obheka phezulu.   uphinde uzobe owesibini umgca onqumla uphawu olubonakalisa umnyaka om-1 ubudala kumgca oxwesileyo oya ngasekunene.   Apho idibana khona le migca mibini ikumfanekiso-ngqondweni wakho (masithi  kusemdibanisweni wayo), ungabeka ichaphaza njengophawu lwakho. Inene, le migca ikumfanekiso-ngqondweni wakho, idla ngokwenziwa kwiphepha legraf (khawujonge apha ngezantsi). Ukuzotywa kwalo mdibaniso kuthiwa "luphawu lwamanqaku eesentimitha ezingama-50 ngonyaka om-1''.