I-Fungi

Livela

Yintoni i-fungi?


Luhlobo lwesityalo olwahlukileyo kwezinye izityalo.

I-Fungus kuthiwa yi-Fungi xa zimbini nangaphezulu. Esi sityalo siyinxalenye yezityalo eziphantsi kweqela elikhulu lezidalwa eziphilayo ekuthiwa yi-eukaryotic. Eli qela libandakanya ii-microorganisms (izivundisi) ezifana nee-yeasts (amagwele), kunye [[ii- molds|nee-molds (amaBritane athi ziimoulds), kunye namakhowa ekuthiwa zii-mushrooms ngesiNgesi. Njengabantu, uhlobo lwesityalo ngasinye luphantsi kwe-kingdom yaso. Njengokuba abantu beneezikumkani zabo njengekumkani yamaXhosa, eyamaMpondo, njalo njalo, nezityalo ke ngokwahlukana kwazo zinobazo ubukumkani eziphila phantsi kwabo. I-kingdom yezityalo yahlulwe yazindidi ezintandathu. Obokuqala kuthiwa yi-Animalia, obesibini yi-Plantae; obesithathu yi-fungi; obesine yi-Protista; obesihlanu yi-Archaea; obokugqibela yi-Bacteria.

ungabhideki ke, kuba uyakufika kwiincwadi zamaBritane, amaAustralia kunye namaLatin Amerika kuthethwa ngeendidi zekingdom ezintlanu kuphela ezizezi: i-Animalia, i-Plantae, i-Fungi, i-Protoctista, kunye ne-Prokaryota/Monera.

I-fungi yahlukile kwizityalo esizibona mihla le, ikwahlukile kwizilwanyana, kwii-protists nakwii-bacteria. Owona mahluko mkhulu ngowokokuba ii-cells zebuFungi zineendonga ekuthiwa zii-cell walls. Ezi cell walls ezine-chitin. Kanti ke ezezityalo kwanezinye iiProtists zona ii-cell walls zinee-cellulose. Lo mahluko nje uwodwa singekade siye kwezinye iimpawu ekwahlukwe ngazo zezi zityalo, ubonisa okokuba i-fungi le iphantsi kweqela elizimeleyo nelilodwa lezityalo eziyelelene kuzo, zibe zizonke ke ziphantsi kwe-Eumycota (true fungi or Eumycetes),kuba kaloku zineempawu ezininzi ezifanayo, ookhokho bazo banye. Lilonke zisuka mnombeni mnye. Kuthiwe ke ngoku ziphantsi kweqela i-monophyletic.

Ezinye iimpawu ezibonakalisa umahluko phakathi kwe-Fungi nezinye izityalo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]