Isitulo

Livela
Isitulo

Isitulo sisihlalo sefenitsha. sisetyenziswa ngabantu xa befuna ukuhlala.  Izitulo zidla ngokuba nemilenze emine ukuze zikwazi  ukuxhasa  ubunzima bomntu ohleli kuzo. Ezinye iintlobo zezitulo, ezifana njengee-barstool, zinomlenze omnye kuphela osesizikithini sesitulo.  Izitulo ezi loluhlobo zidla ngokujikelezeswa [source?]. Ngamanye amaxesha izitulo zinezixhaso emacaleni azo ezisetyenziswa ngabantu xa befuna ukungqiyamisa iingalo zabo.  Ezi zitulo  zisenokubizwa njeneezitulo zengalo. Zininzi iintlobo zezitulo ezifana nezitulo ze-Windsor kunye nee-rocking chairs. Kukwakho nolunye uhlobo lwesitulo olubizwa ngokuba yisofa okanye i-settee. Esi ke sona sisoloko sisetyenziselwa ukuhlala tofotofo kwaye sinokuhlalwa ngabantu ababini nangaphezulu.