Jump to content

Zingisa Comprehensive High School

Livela

IZingisa sisikolo samabanga aphezulu esakhiwe ngakuhola wendlela yase Port St.Johns kwidolophu yase Mthatha[1]. Esi sisikolo sakhiwa yiCawa yama Katolika kwaye sisalandela loo mzila nemithetho yama Katolika. Esi sikolo sigqwese kakhulu ngendlela yokunxiba. Esi sikolo asidumanga kuphela ngencwadi kodwa nangezinye iindlela zokuphuhliswa kwabantu abatsha, kuquka onobuhle, ukuthetha esidlangalaleni kunye nezemidlalo.

U-E.N. Matyumza ngowasetyhini ozinikele ekwenzeni esi sikolo sibe kumgangatho ophezulu. Kuleminyaka ephethe kwesi sikolo sidume kakhulu ngokucoceka kwaso kunye nendlela yokuziphatha kwabafundi bakhona.

  1. "Google Search" www.google.com retrieved 2025-09-17