Jump to content

Uzalwa ngoobani na?

Livela

Uzalwa ngubani na? Inkcubeko yinxalenye ebalulekileyo yobomi bomntu, kuba inika abantu ingqiqo yobuwena kunye nemvalaphi. Iquka ulwimi, izithethe, iinkolelo, iingoma, ukutya, kunye nendlela esiphila ngayo.[1] Ngenkcubeko, abantu bafunda ukuba bangoobani na, bavelaphi, nendlela abanxulumene ngayo nendalo. Oku kukwaquka ukunxulumana kwabantu neentsapho zabo, uluntu, nembali yabantu ngokombala wabo, umzekelo, abantu abaNtsundu.

Indima nokubaluleka kwenkcubeko

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Ingaba uyawazi umnombo wakho? Nditsho wena!

Inkcubeko ikwanceda ekugcineni ulwazi, amava ezizukulwana zangaphambili, njalo njalo. Le nkcubeko ndithetha ngayo ifundisa intlonipho, intsebenziswano, nokuqonda phakathi koluntu. Xa isiko, izithethe, amabali, neelwimi zidluliselwa kwizizukulwana ngezizukulwana, abantu bayakwazi ukugcina ilifa labo lanaphakade baze bomeleze umanyano lwabo. Kwihlabathi lanamhlanje elidibeneyo, inkcubeko isabalulekile kuba ikhuthaza ukwahlukahlukana nokuhlonipha phakathi kwabantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo.[2]

Ngokuxabisa nokukhusela inkcubeko, sikhuthaza incoko phakathi kwabantu, ubuchule, kunye nokuhlalisana ngoxolo. Ngoko ke, inkcubeko ayibonakalisi nje kuphela ixesha elidlulileyo, kodwa ikwasisiseko sokwakha ikamva elomeleleyo neliquka wonke umntu. Inkcubeko idlala indima ebalulekileyo kubomi bomntu ngamnye, nakuluntu ngokubanzi. Inceda ekwakheni nasekugcineni isazisi sabantu, ibonise imvelaphi yabo, iinkolelo zabo, ulwimi lwabo, kunye nezithethe zabo. Ngenkcubeko, abantu bafunda indlela yokuziphatha, ukuhloniphana, nokuphila ngokwemigaqo nemilinganiselo yoluntu lwabo.

Iziphumo zokulahleka kwenkcubeko

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Xa abantu bengazisondezi kwizithethe namasiko wabo, okanye bengenamdla wokugcina ezo zithethe namasiko, basenokuphulukana nezinto ezibalulekileyo zobuwena nokuzazi nje ngomntu. Oku kunokwenza kube nzima kwizizukulwana ezizayo, ekuqondeni ilifa labo, iinkolelo, kunye nolwazi oludluliswayo ngookhokho/izinyanya zabo ngenkcubeko.[3] Njengokuba iilwimi, amasiko nezithethe zemveli zityeshelwa, zisenokunyamalala ekuhambeni kwexesha, ingakumbi xa zingekho kwizigcini zamakhasi obuchwepheshe.

Ukukhuselwa nokugcinwa kwenkcubeko

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukugcina inkcubeko kunceda ekuqinisekiseni ukuba ubuni beqela kunye nelifa buyaqhubeka ukuya kwizizukulwana ezizayo, kude kubengunaphakade. Nje ngokuba uzazi ke wena ukuba ungubani na, khusela eyakho inkcubeko, ukhuthaze isizwe sakowethu ngeemfundiso zakwantu, kwaXhosa. Wena ke ungazaziyo ukub ungubani na, khakhe uzikhangele, uzifumane ukuba umnombo wakho waqhawulwa wagqushwelwa phi na. Oku ke ungakhawuleza ukwazi msinya xa unxulumene nentsapho yakho, ingakumbi xa sele abazali bakho baakhaba ibhekile okanye awubazi.[4]

  1. Jolobe, JJR (1973) Amavo kaJolobe Witwatersrand University Press ISBN 0854940723
  2. Mbungwana, Mthunzikazi (2021) Unam wena independent press uHlanga
  3. Masola, Athambile (2021) Ilifa uHlanga Press
  4. "Iziduko nezinqulo zamaXhosa jikelele (Xhosa clans)" Abongisocial's Blog (in English) 2010-08-20 retrieved 2026-07-17