Uthango lomthi kunye nendlela yothuli
Uthango lomthi yimigca yezihlahla ezincinci okanye imithi emincinci etyaliweyo yaze yagcinwa ukwenza uphawu lomda, okanye isikhuseli somoya. [1]
Uthango lomthi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Imida yezityalo ifumaneka kwiigadi, kwiindawo zokulima kwaye kudala isetyenziswa usukela kwiminyaka eyadlulayo. Isebenza njengezinye indlela zokusetyenziswa ukhusela umoya ezifana nocingo okanye udonga.

Inckazelo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Uthango lomthi luqhele ukwenziwa ngezityalo zomga eziqinileyo ezilungelelaniswe ukuba zikhule zixinene, kwaye zihlala zixhaswa ziipali zomthi kunye nocingo ukuze umthi uhlale uthe tye kwaye zikhuthazeke ukukhula zisiya phambili. Ekuhambeni kwexesha amasebe namagqabi azivala izikhewu kwakheke umqobo oluhlaza oqhubekekayo. Ezi zityalo zihlaza zithenwa ukuze zigcine ukuphakama kunye nemilo efanayo. [2][3]
Ukusetyenziswa
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Uthango lomthi luneenjongo ezininzi eziluncedo:
. Ukusetyenziswa komda - ukuchaza umda wepropati okanye wentsimi [4]
. Imfihlo nokuthintela ukubonwa - ukuvala indlela yokubona egadini okanye kwintendelezo [5]
. Izithinteli moya - ukunciphisa isantya somoya ukukhusela izityalo okanye iindawo zangaphandle [6]
. Indawo yokuhlala - ukubonelela ngeendawo zokuzimela nokutya kweentaka, izinambuzane kunye nezilwanyane ezincinci. [7]
Uthango lwemithi kunye neendlela
Uthango lwemithi ihleli ityalwa ecaleni kwendlela, apho zinceda ekuchazeni indlela ngelixa zahlula umhlaba odibeneyo. Kwiindawo zasemaphandleni nasedolophini, indlela yomhlaba okanye yegrabile ehamba ecaleni kothango lomthi yinto eqhelekileyo ephawula umda phakathi komhlaba olinyiwe okanye ogciniweyo kunye nendawo evulekileyo. [8]
Imithombo Yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "umuNga - Imithi - Mzantsi Afrika" southafrica.co.za retrieved 2026-07-17
- ↑ "All About Hedgerows: Why They Help Wildlife and How to Plant Them" Xerces Society (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ "Hedges - What is a Hedge? | Better Planet Education" betterplaneteducation.org.uk (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ "Definition of BOUNDARY" www.merriam-webster.com (in English) 2026-07-11 retrieved 2026-07-17
- ↑ Balance, Eco (2014-06-11) "Small Garden Ideas: Landscape Design Must Have Privacy Screening" Eco Balance (in en-US) archived from the original on 2026-05-16 retrieved 2026-07-17
- ↑ "Importance of Windbreaks - ERuDeF" (in en-US) 2020-06-26 retrieved 2026-07-17
- ↑ "Boundary Planting | CCARDESA" www.ccardesa.org retrieved 2026-07-17
- ↑ Clark, Katherine; Mauchline, Alice; Blanusa, Tijana; Felton, Michelle; Potts, Simon; Garratt, M. (2025-08-29) "The multiple benefits delivered by hedgerows: Where is the evidence and does it meet current knowledge needs?" People and Nature 7: 2437–2450 doi:10.1002/pan3.70114