Usuku luka Mandela

U Tata u Nelson Mandela wazalwa ngomhla we 18 kweyeKhala ngonyaka ka 1918[1]. Waziwa njengo Mongameli wokuqala omnyama eMzantsi Afrika othe wahlala esikhundleni soluwulo emva korhulumente wobandlululo. U Mandela wavotelwa ngonyaka ka 1994 ngaxeshanye kokusunguslwa korhulumente wentando yesinintsi. Utsale iintombo njengo Mongameli isithuba esingangeminyaka emihlanu (1994-1999)[2].U Mandela ube ngumfuziselo worhulumente omtsha kunye nenkululeko yomntu omnyama, kodwa ngaphezu koko ube ngumfuziselo woxolo, uthando, ubuntu nentlalontle. Ngokwembhali u Mandela ibe nguye owakhe uxolelwaniso phakathi komntu omnyama kunye nomhlophe emva kweemfazwe zeminyaka apho abantsundu babesilwela ukubuya korhwebo, umhlaba kunye nolawulo.
Usuku lwe Mandela Day lubhiyozelwa qho ngonyaka ngomhla we 18 kweyeKhala kanhye ngemini yokuzalwa kuka Tata u Mandela. Olusuku lwasungulwa ukukhumbula uTata u Nelson Mandela kunye nemisebenzi yakhe emihle ebeyenzela uluntu esaphila. Eyona nto yayibalasele ngaye u Tata u Mandela, wayethanda kakhulu abantwana abaselula, kweminye imifanekiso yakhe uxhagwe ngabantwana yaye babonaka bonwabile. Kangokuba amaQumrhu amaninzi abhiyozela olusuku ngokuthi andwendwele amakhaya abantwana abaselugcinweni okanye abasezikolweni ukubapha izipho, iimpahla kunye nento esiwa phantsi kwe mpumlo[3]. Amanye amazwi asishiya nawo u Tata u Nelson Mandela abonisa uthando nenkathalo ngabantwana ngala: Our children are our greatest treasure. They are our future. "Giving children a healthy start in life, no matter where they are born or the circumstances of their birth, is the moral obligation of every one of us – Nelson Mandela[4]. La mazwi asisikhumbuzo kuluntu ukuba silandele ekhondweni lika Madiba ngokuthi sibakhusele abantwana njengoko belikusasa eliqaqambileyo leZwekazi i Afrika.
Unyaka nonyaka usuku luka Mandela olubizwa ngokuba yi Mandela Day luba nesihloko esisekelezelwe ekubhiyozeleni olusuku. Ukanti ke kunyaka ka 2025 lo umiyo, isihloko solusuku besisithi “It’s still in our hands to combat poverty and inequity- Kuse zandleni zethu ukulwa indlala kunye nonkungalingani”[5]. Esisihloko sicangcatha kanye kumazwi ka Mandela athi sonke sinesibophelelo sokuba sinike abantwana ikamva eliqaqambileyo nokuba bazalelwe kumakhaya okanye iimeko ezinjani na. Indlala iseyintlaka etsheleyo eMzantsi Afrika njegoko naye u Madiba walandulela eli eshiya indlala igquba. Esi sihloko sidibanise amaQumrhu, amasebe ka Rhulumene kunye neenkapani ndawonye ukuze zize namacebo okulwa indlala e Mzantsi Afrika[6].
Categories: Nelson Mandela Mandela Day
Amaphepha asetyenzisiweyo
- ↑ "Nelson Mandela" Wikipedia (in English) 2025-07-07
- ↑ "Nelson Mandela | Death, Facts, Biography, & Apartheid | Britannica" www.britannica.com (in English) 2025-07-21 retrieved 2025-07-23
- ↑ "Mandela Day 2025: A Day of Dignity, Giving and Hope" www.stithian.com (in English) retrieved 2025-07-23
- ↑ "Nelson Mandela Quotes About Children" A-Z Quotes retrieved 2025-07-23
- ↑ "Mandela Day 2025 - Uniting to Combat Poverty and Inequity – Nelson Mandela Foundation" www.nelsonmandela.org (in en-ZA) retrieved 2025-07-23
- ↑ "Mandela Day 2025: Uniting to Combat Poverty and Inequity | Public Sector Management" www.publicsectormanager.gov.za (in English) retrieved 2025-07-23