User:Anelisasandi

Livela

Ngumntana wasithathu kwinzala kaMzingaye Matthew Biko noAlice Mamcete Biko, uzalwa noBukelwa udade wabo omkhulu nomkhulwa wakhe uKhaya, alekelwe ngudade wabo uNobandile. Abazali bakhe bazimanya ngeqhina lomtshato kwidolophu yaseSada, apho uyise wayexelenga njengepolisa. UMzingaye watshintshelwa kwiidolophu ezinintsi ngokomsebenzi, eziquka iKomani, iBhayi, iFort Cox waze wagqibela ngokuzinza kwidolophu yaseQonce apho yena noAlice bahlala kwilokishi yaseGinsberg. Le lokishi yayihlala abantu abangapha kwama-800, apho iintsapho ezilinganiselwa kwisine zazisabelana ngendlu yangasese enye kunye nomthombo wamanzi omnye. Kule lokishi kwakuhlala iintlanga ezahlukeneyo eziquka abantu abamnyama kunye namakhaladi apho kwakuthethwa iilwimi ezifana nesiXhosa, isiBhulu kunye nesiNgesi.