University Road, Rhodes University
I-University Road sisitalato esikwidyunivesithi yaseRhodes, eMakhanda apho kukho khona izindlu ezihlala abafundi baledyunivesithi.
Iinkcukacha
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Isitalato i-University Road sifumaneka eMakhanda kwiphondo laseMpuma Koloni kwidyunivesithi yaseRhodes. Esisitalato siquka izindlu ezintathu ezihlala abafundi baledyunivesithi iOriel House, iCharlotte Maxeke kunye neBeit House ezathiywa ngamagama abantu ababalulekiyo kwimbali yoMzantsi Afrika, UCharlotte Maxeke[1] UAlfred Beit [2] no Oriel Monongoaha[3] . Esisitilato sikwaquka neholo lokufundela elaziwa ngokuba yiPsych Major.
Esisitilato sibalulekile kuba sesinye sezitilato ekulula ukuzifumana xa ufuna ukuya kwiithala leencwadi laseRhodes, kwiiholo lokufundela iPsych Major, isakhiwo sezifundo zeBotany kunye neKlinikhi yaledyunivesithi.
Esisitilato sikhuselekile kuba samkela wonke umntu, ukuqala kwabantu abahamba ngeemoto ukuya kwabantu abahamba ngeenyawo. Umntu onemoto angayishiya imoto yakhe kwesisitilato iintsuku abuye isekhona kuba kwesisitilato kukho abadubi bozokhuseleko, nabantu abathumela okanye abayalela iipasela zabo besebenzisa idilesi yesisitilato bazifumana lula izinto zabo ngenxa yokufumaneka lula kwesisitilato.
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Charlotte Maxeke" Wikipedia (in English) 2026-07-16
- ↑ "Alfred Beit" Wikipedia (in English) 2026-06-26
- ↑ "Oriel Monongoaha" Wikipedia (in English) 2024-08-17