Ungalahl'imbo yakho ngophoyiyana
Mandulo phakathi kweentaba ezizolileyo zase Mpuma Koloni kwilali encinane yase Mntlaneni, kwakuhlala inkwenkwana egama lingu Zuko. Wayekrelekrele, ethobekile, kwaye ezithanda iimpande zakhe. Imbo yakhe yayibonakala kwindlela awayethetha ngayo, indlela awayehamba ngayo, awayenxiba ngayo kwaye nankwinto awayeyixabisa kuquka ubuntu. UZuko wayesokolo enwaba ecaleni kuka makhulu wakhe uMaZizi, engcamla ukutya kwempilo kuba wayesoloko efundisa ngesiko, imveli, nendlela yokugcina umphefumlo uqaqambile. Wayesithi " Zuko", imbo ngumoya wakho, xa uyityeshela uyafana nomthi ongenasisekelo."
Kodwa njengoko uZuko ekhula, waqalisa ukuva intliziyo ezahlukeneyo ngaphandle kwelali. Kwafika uPhoyiyana owayethetha isiNgesi, enxiba iimpahla zobukhazikhazi, enekhompyutha esemgangathweni kwaye esoloko ethetha ngobomi bale mihla. Wayemhle ngenkangeleko, ethandwa kwaye ebonakala ngathi uyazi yonke into, njengomntu osuka kwiimbonakalo zedolophu. UPhoyiyana waqala ukumgqugqisa uZuko "hayi mfo, uyaphapha ngala maxesha wakho, iqale yayintoni indlela yokuphila ezilalini? Yityetshele loo nto, uze ube stylish ube fresh njengam." Kwaqalisa ukungqubana izimvo ku Zuko, watshintsha waqala ukungayi kwindibanisela zasekuhlaleni,wayeka ukubulisa abantu abadala ngendlela yakwantu, wafuna nokubizwa ngokuba ungu "Zee" endaweni ka Zuko. Umakhulu wakhe wamjonga ngelihlo lokhozi kodwa wafana njengenkukhu esikwe umlomo kuba ezinye izifundo azifundiswa ngamazwi.
Kwafika ilixa apho uZuko no Phoyiyana baya kwiindawo zabantu abatsha ezahluka-hlukeneyo: eMpumalanga, kwaZulu-Natal, eLimpompo kunye nase Mthatha apho uZuko waqala ukubona ukubona into emangalisayo, abantu abohlukeneyo kodwa bonke bayazazi, bayazixabisa kwaye bayayigcina imbo yabo. ELimpompo wafunda kowasetyhini ogama lingu Thobeka owayesenza amacici nezikhafu zesintu[1], esithi "Xa ulibala ukuba ungubani, uyakubandezeleka ungazi ukuba ungubani xa izinto zibanzima." KwaZulu-Natal wadibana noSizwe umdibanisi wase Zululand[2], owayesithi "ndandicinga ukuba ukuphila njengabanye kunokunceda kodwa ndafumanisa ukuba inkululeko yeyona nto iza wamkele imbo yakho."
Kuthe ngelixa lesifingo, uZuko wazijonga esipilini enxibe ijezi ka Phoyiyana, eneentsimbi esishushu ezimfakamfaka ezindlebeni. Waziva ngathi uyazilahlekisa, wathatha ingubo awayeyinikwe ngu makhulu wakhe,wazijija ngayo esifubeni. Wakhala engengokuba egqwethekile, kodwa ngoba ekugqibeleni waye waphinda wazifumana. Wabuyela eMntlaneni, waziqoqa, waqala ukuphinda afundise abanye abantwana ngentlalo yesintu, waza wathetha "uPhoyiyana usenokuba nobukrelekrele, ubuhle, nesimanje kodwa imbo yam yinto endiza kuhlala ndiyixabisa. Andiyi kuphinda ndiyilahle." Wafundisa abantwana kwintlambo zase Mqanduli[3], wadlulela kwiintlambo zaku Tsolo[4], eNgcobo[5], nase Zingqolweni. Waqala umkhankaso obizwa "Buyela kwimbo yakho", apho wayenceda ulutsha ukuba luzingce ukuba luye kude kangakani kuba imbo le yinto exabisekileyo, ilitye elifana negolide elalihomba amaMfengu[6]
- ↑ "amacici" Pinterest (in English) retrieved 2025-07-08
- ↑ "Zululand | History, Map, & Rebellion | Britannica" www.britannica.com (in English) retrieved 2025-07-08
- ↑ "Mqanduli" Wikipedia (in English) 2025-01-15
- ↑ "Tsolo" Wikipedia (in English) 2024-10-13
- ↑ "Ngcobo" Wikipedia (in English) 2025-02-13
- ↑ "Fengu people" Wikipedia (in English) 2025-05-04