Umxhaxha

Livela

Umxhaxha sisidlo samaXhosa. Esisidlo omnye umntu angasifanisa ne"desert" Kuba simnandi xa sibanda.

Umxhaxga wawukade ufudula usityiwa kakhulu ngexesha lakudala Kuba iitsimi zooma notatomkhulu zazichuma zidubule intyabontyi nombona.

Xa kusenziwa umxhaxha kudityaniswa intyabontyi nombona.

Yenziwa njani:

Kucandwa igaqa lentyabontyi ine ngamaceba

Umbona uchutywe kwizikwebu ube zinkozo

Umbona ubiliswe wodwa ecaleni ukuze uvuthwe kakhuhle

Nemaceba entyabotyi abiliswe odwa ecaleni. Aze akuthamba agutye ngephini leplanga afane nesidudu.

Zakufuthwa zombini ziye zidityaniswe kutywe nzwee iswekile ukongeza incasa