Umtshotsho

Umtshotsho luhlobo lwendibano yolutsha apho intombi nabafana abasenqanabeni elithile lobudala abaye badibane khona. Imitshotsho yayisenziwa mandulo phaya apho abantu babesidla ngendeb' endala. singatsho sithi ukutshitsha kwezinto namaxesha kuyitshintshile indlela ezibizwa ngayo ezindibano kunye nendlela ezazisenziwa ngayo. ukuya emtshotshweni uyintombazana okanye umfana kwakuyindlela yokuzazisa eluntwini nakwabanye oontanga bakho [1] .
ukubaluleka komtshotsho eluntwini
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ngokuka Austen imitshotsho lwelamaNgesi ngeminyaka ye-1600s yayiyindawo apho ulutsha lwaludibana khona ukuze lukwazi ukwazana, ukumetsha kunye nokuphalazelana imbilini zabo [2]. nakwisizwe samaXhosa imitshotsho ibiyindibano enjalo apho abantu abatsha babedibana ukuze bakwazi ukwazana kodwa bebekwe phantsi kwelihlo elibukhali labazali ukuze kungenzeki izinto ezingalunganga [3]. Abafana emitshotshweni babeye babone iintombi abathi bafune ukuzitshata kanjalo neentombi. Ezindibano bezibaluleke kakhulu eluntwini nasekuhlaleni ngoba zaziyinxalenye yenkcubeko yamaXhosa [4].
imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Empey, Lamar T. (1958-05) "Role Expectations of Young Women regarding Marriage and a Career" Marriage and Family Living 20 (2): 152 ISSN 0885-7059 doi:10.2307/348362
- ↑ "10. Epilogue: Court Culture and the Formation of a Royalist Tradition" Court Culture and the Origins of a Royalist Tradition in Early Stuart England (University of Pennsylvania Press): 285–292 1987-12-31
- ↑ Austen, Jane (1995-03-30) "Jane Austen's Letters" Jane Austen's Letters (Fourth Edition) (Oxford University Press) ISBN 978-0-19-957607-4
- ↑ MacFarlane, Alan; Stone, Lawrence (1979-02) "The Family, Sex and Marriage in England 1500-1800." History and Theory 18 (1): 103 ISSN 0018-2656 doi:10.2307/2504675