Jump to content

Umdlalo weqonga woluntu

Livela

Umdlalo weqonga woluntu ngumdlalo weqonga onga qhelekanga, lo mdlalo weqonga akunyanzelekanga wenzeke eqongeni kodwa udalelwe ukuya ebantwini.[1] Ukutsho oku, abenzi balemidlalo yeqonga kufuneka bajonge oko kungqunge uluntu lwalondawo, ze benze umdlalo ophendula oko bakubonayo.[2] Into efunekayo kulo mdlalo weqonga kukubandakanyeka kwababukeli koko kwenzekayo, akufunekanga ababukeli bahlale nje kodwa kunyanzelekile ukuba ekuhambeni komdlalo, phakame, benze.[3]

Umfanekiso ka Augusto Boal waseBrazil.

Umdlalo weqonga woluntu waqala ngo 1970 eqalwa ngumenzi wemidlalo yeqonga nomhlohli uAugusto Boal waseBrazil. UBoal wayekwiphulo lokunika abo babephantsi kweengcindezelo lweendidi ngeendidi ilizwi lokuba bathethe ngezinto abadlule kuzo ngokwenza imidlalo yeqonga.[4] Eli phulo lika Boal lizale uhlobo lomdlalo weqonga ekuthiwa ngumdlalo weqonga lwabo bacinezekileyo. Eyona nto ibalulekileyo koluhlobo lomdlalo weqonga kukubandakanyeka kwababukeli, ibe ngabo abaseqongeni.

Iindidi zemidlalo yeqonga lwabo bacinezekileyo.

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UAugusto Boal waqala wenza umdlalo weqonga lwabo bacinezekileyo ekubizwa ngokuba ngumdlalo weqonga wemifanekiso. Apha, abadlali benza imifanekiso ngemizimba yabo, le mifanekiso imana ukutshintsha ngokutsho kwalowo uphethe loomdlalo. Ngamaxesha amaninzi, lo mdlalo uba namanqanaba amathathu, oku kuquka isiqalo somfanekiso, ukutshintsha komfanekiso nokuphela komfanekiso ngendlela abo bawenzayo bafuna uphele ngayo. Kukho nomdlalo weqonga womthetho, umdlalo weqonga wovelwano, umdlalo weqonga owenziwa kwangaloomzuzu eqongeni kwakunye nomdlalo weqonga weforamu. [5]

  1. Nicholson, Helen (2014-07-14) Applied Drama: The Gift of Theatre (in English) Bloomsbury Publishing ISBN 978-1-137-11129-6
  2. Prentki, Tim; Abraham, Nicola, eds. (2020-10-20) The Applied Theatre Reader (in English) (2 ed.) Second edition. | Abingdon, Oxon; New York, NY: Routledge, 2020.: Routledge ISBN 978-0-429-35536-3 doi:10.4324/9780429355363&type=googlepdf
  3. Uwah, Chijioke; Cheteni, Priviledge; Davids, Desira (2026-01-13) "Applied theatre as a tool for social transformation: examining its impact on learners affected by gang violence" International Journal of Adolescence and Youth 31 (1): 2614427 ISSN 0267-3843 doi:10.1080/02673843.2026.2614427
  4. ""Theater of the oppressed"" www.spunk.org retrieved 2026-07-17
  5. Blatner, Adam (2007) Interactive and Improvisational Drama: Varieties of Applied Theatre and Performance (in English) iUniverse ISBN 978-0-595-41750-6