Umbongo ngo Thando
Appearance
UTHANDO
Emhlabeni kukho uthando lwenyaniso nolikadlalayo,
Uz'uqaphele luno mbal'ofanayo
Luphandla kube kanye.
Kaloku eluthandweni kugcwel'amaxoki,
Amagqubutsh'ontetho zimnandi,
Oo ndiyakuthanda kanti ngamaxoki bakwenza usidenge ndini.[1]
Ndivumeleni ndithi,
Hayi lento ayinanto yokwenza nothando.
Lento inento yokwenza nencasa, eyabunjwa nomzimba,
Ubuncwane obungasoze buye ndawo,
Kona! Kuphi kulo thando xa ndilapha?
Kuba, kucacile ukuba ndiyaphambuka emqengqelezeni wendlela.
Elesintu lithi,
Inyathi ibuzwa kwabaphambili,
Kodwa akekho noyedwa osel'eyibonile indlela,
Kw'aba baphambili bayagcuma ziintlungu,
IIntliziyo zabo zichontsiz'igazi lweenyembezi,
Bahlatywe ngameva endleleni eya kulo thando.
Le yimv'ulambethe malunga no thando.
Incwadana
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Abulele Jebese