Umamazala onothando

Umamazala onothando
Umama womyeni ngu mamazala. Ngumsebenzi ka mamazala ukwamkela umakoti emzini wakhe. Mandulo kwa Xhosa, abazali bomfana bebeye bawubone umzi onentombi ekhuliswe yalulekwa ngendlela entle emphakathini. Kulapho bebembonisa unyana wabo ukuba eyona ntombi emfaneleyo yeyiphi.
Umamazala nguyena obonisa u molokazana ngezithethe namasiko ekhaya, nokuhlonitshwa kwezinyanya zekhaya. Uye amfundise indlela yokuziphatha nokuhlonela abantu belo khaya. Iimfihlo zekhaya ebethi amtyhilele zona embonisa ukubaluleka kwazo ekumakheni[1].
Umamazala ungumdibanisi wemihlambi eyalanayo.
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ungumqhagi phakathi kwamazwe amabini. Kwiindawo ezininzi zaseAfrika, umtshato uqondwa njengomanyano phakathi kweentsapho, hayi phakathi kwabantu ababini kuphela, kwaye oku kubumba kumanyanise bobabini umakoti nomamazala kwasekuqaleni.[2]
Umtshato uthathwa njengomanyano phakathi kweentsapho zomtshakazi nomyeni, Kunjalo nje oomama badlulisela oku kwiintombi zabo njengoko zilungiselela ukudibana neentsapho zamadoda azo.(4)
Kweminye imizi kuye kudityaniswe ubuso nobuso xa kusenziwa amasiko afana nokwamkela umtshakazi kusapho[3].
Uphando kwezoluntu lwaseAfrika lwanamhlanje luchaza ukuba ungquzulwano phakathi koomamazala nabatshakazi luhlala lubhuqa amakhaya. Xa amacala omabini ezama ukwakha, lona uloyiko nokungathembani lungalutshaba kulo mizamo.
Ukunika iingcebiso nenkxaso yokwenene. Ibali lezibhalo lithi uNahomi uchazwa njengonina wesoka owabonakalisa uthando nenkathalo ngomtshakazi wakhe, wamnika iingcebiso zokuziphatha ezamncedisa ukufumana umyeni ofanelekileyo.(4)
Omnye umbhali ucele ngokuthe ngqo ebatshakazini ukuba bacinge ngokuphatha unina wesoka njengomama wesibini kubudlelwane beentsapho obudibanisayo, kunokuba bacinge ngenkohliso kuqala.
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Rammutla, T. et al (2024) "Social Media's Influence on Attitudes of Younger Daughters-in-Law Towards Mothers-in-Law" International Journal of Social Science and Education Research.
- ↑ Omiyinka Olutola, Faloore (2012-08-31) "Wife-Mother-in-Law Relationship and Violence among Yoruba Women of Southwestern Nigeria" American Journal of Sociological Research 2 (2): 11–18 ISSN 2166-5443 doi:10.5923/j.sociology.20120202.01
- ↑ Adebayo, A.A (2012) "Wife-Mother-in-Law Relationship and Violence among Yoruba Women of Southwestern Nigeria" Sociology and Anthropology, 2012.