Ulwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika
Ulwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika lubandakanya zonke izenzo zolwaphulo-mthetho nezo bundlobongela ezenzeka kwilizwe laseMzantsi Afrika, okanye kwezinye iindawo eziphantsi kolawulo lwalo. Xa kuthelekiswa namanye amazwe, uMzantsi Afrika unezinga eliphezulu kakhulu lolwaphulo-mthetho olunobundlobongela kwaye udume ngokuba nezinga eliphezulu lokubulala emhlabeni. Eli lizwe likwafumana izinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo xa lithelekiswa namanye amazwe.
Uninzi lolwaphulomthetho eMzantsi Afrika lwenzeka kumaphondo amane anabantu abaninzi afana neMpuma Koloni, iGauteng, iKwaZulu-Natal, kunye neNtshona Koloni. Ngokukhethekileyo, kwiindawo ezinelokishi ezinkulu neezozikufutshane nazo. [1]
Nangona ezinye izixeko ezinkulu zinolwaphulomthetho olufanayo kwiindawo ezisondeleleneyo. Umzekelo, iGoli linolwaphulomthetho olwenziwa zizenzo ezohlukileyo, eziquka izinto ezininzi ezifana nobuhlwempu. [2] Ngokwahlukileyo naseKapa, ulwaphulomthetho lwenzeka ikakhulu kwindawo ezincinci ezithile ezifana neelokishi, yaye luqhutywa kakhulu bubugebenga .
Amanani olwaphulomthetho kwizixeko zaseMzantsi Afrika anokuthi atshintshe kakhulu ngokwe ndawo ulwaphulomthetho eqhubeka kuyo. Ngaphezu koko, kumhlali oqhelekileyo kunye nondwendwe, amava malunga nokhuseleko xa uhambahamba kwisixeko esikhulu eMzantsi Afrika anokwahluka kakhulu phakathi kwezixeko. [2]
Kwinqanaba le -Crime Index ka-2026, izixeko ezihlanu ezibekwe kwindawo embi kakhulu ngolwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika, kunye nezikhundla zazo zehlabathi kuluhlu, yayiyiPietermaritzburg (1), iPitoli (2), iGoli (5), iDurban , kunye neGqeberha.
- ↑ "Analysis of murder in SA's deadliest provinces calls for policing rethink" ISS Africa (in English) retrieved 6 May 2025
- 1 2 "Recorded Crime Statistics Republic Of South Africa: Second Quarter of 2025 to 2026 Financial Year (July 2025 to September 2025)" The South African Police Service's Crime Registrar Head Office 2025 retrieved 20 February 2026