Ulwandle i-Arctica

Livela
ulwandle iArctica nemihlaba elungqongileyo

UThe lwandle iArctica lulwandle olukwiPali esemaNtla. Ezona ndawo zisemaNtla eEurasia naseMntla Melika zingakulwandle lwaseArctica. Isixwexwe somkhenkce obekeleleneyo kunye neliqhwa zilogquma phantse lonke olu lwandle ebusika, kunye noninzi lwalo luyogqunywa nasehlotyeni. Umqhekezi-mkhenkce okanye isichukumisi mandla se-nuclear esiyinqwelo esebenza ngaphantsi kwamanzi singasebenzisa ulwandle iarctica xa lihamba phakathi kweelwandle iPacific kunye neAtlantic.

Iinkundla zolwandle zimalunga ne14.056 lezigidi zeekhilomitha million km 2, nekuyeyona yakhe yancinane kumalwandle ama-5 ehlabathi, kwaye inama-45389 eekm zonxweme. Umphezulu wolwandle owogqunywe ngesikhaxa somkhenkce umalunga neemitha ezi-3 ubungqindilili. Ibioloji kukho ezibaluleke ngakumbi. Iintsapho zezilwanya ezisengozini zibandakanya iiwalrus, iiwhales kunye n amabhere epali. Ngokuya kuhamba iminyaka ulwandle iArctica luyalunyibilika ngokunyibilika, ngenxa yobushushu bomhlaba.

Umyinge wobunzulu bolwandle iArctica buziimitha ezi1038.[1] Ubunzulu balo bukwisitya seEurasian,ubunzulu beemitha ezi5450.

IJografi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ulwandle iArctica lugquma indawo emalunga14,056,000 eekm2. Unxweme luziikhilomitha ezi45,390 ubude [2] Irhangqwe yiEurasia, umNtla Melika, iGreenland, kunye neziqithi eziliqela.

Ngokubanzi luthathwa njengoluquka iBaffin Bay, ulwandle iBarents, ulwandle iBeaufort, ulwandle iChukchi, ulwandle olumpuma-Siberia, ulwandle iGreenland, iHudson Bay, iHudson Strait, ulwandle iKara, ulwandle iLaptev, Ulwandle olumHlophe kunye nezinye iziza zamanzi. luqhagamshelene kulwandle iPacific ngeBering Strait nakulwandle iAtlantic ngolwandle iGreenland nolwandle iLabrador.

Amazwe akwibhoda yeolwandle lweArctica ngala: iRussia, iNorway, iIceland, iGreenland, iCanada kunye neUnited States.

  1. "The Mariana Trench - Oceanography" www.marianatrench.com 2003-04-04 retrieved 2006-12-02 
  2. "Arctic Ocean Fast Facts" wwf.pandora.org (World Wildlife Foundation) archived from the original on 2010-10-29 retrieved 2010-10-28