Jump to content

Ulutsha oludlamkileyo lwaseGqeberha: Ukubamba iKamva

Livela

IGqeberha eyaysaziwa njengeBhayi sisixelo esigudle umnxweme eMzansi Afrika esaziwa ngobutyebi benkcubeko yemveli, ubuhle bendalo kunye noluntu oludlamkileyo. Kodwa mhlawumbi eyona nto ibalulekileyo kwesi sixeko sitshitshayo lulutsha. Ulutrsha lwaseGqeberha luyinxalenye ebalulekileyo yentllontle yesi sixeko, lubamba ikamva laso ngokwenza izinto ezintsha, ubutshantliziyo. kunye nokubonakalisa inkcubeko.

Umqweno weMfundo: Ukwakha ikamva eliqaqambileyo

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Imfundo kudala ingumba phambili kulutsha lwaseGqeberha, njengoko luzama ukoyisa imiceli mngenu yentlalo noqoqosho nokwakhela ikamva elingcono neetsapho zalo. Ngamaziko afana neDyunivesi yaseNelson Mandela, abonelela ngothotho lwekqubo kuya kusanda amanani lwabafundi, uqeqesho lobugcisa,kunye nezakhono zokuqeqeshelwa umsebenzi ukukhulisa ukuqesheka kwabo kunye nokufikelela kumathuba amacandelo ahlukeneyo.[1] Uninzi lolutsha lwaseGqeberha luzixakekise ngokugqwesa ezifundweni, lugxile ekwahlukaneni nentlupheko nokuba negalelo elincomekayo ekukhuleni kommandla. Abafundi abavela kwizikolo zasekhaya, idyunivesi, kunye neenkqubo zoqeqesho abagqwesa kuphela kwiinkalo ezintsha ezifana netekhnoloji, ishishini, kunye nophuhliso oluzinzileyo beqinisekisa ukuba ikamva lesi sixeko linekqubelaphambili njengoko yahluka.

UShishino loLutsha: UBuvulindle boBuchulekunye noHlumo loQoqosho

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Nokujongana nezinga eliphezulu lentwela-ngqesho kunye namathuba anaqongophelayo, ulutsha lwaseGqeberha lulwamkele ushishino njebgendlela eya kwinkululeko nakwinkululeko zemali.

  1. "Academic update: Favourable increase in new student numbers - News" news.mandela.ac.za retrieved 2025-04-04