Uluhlu:Lingwistika
Ezemfundo kwidolophu iNgcobo eMpuma Koloni.
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]i-Ngcobo yidolophana encinane eseMzantsi Afrika kwiphondo iMpuma Koloni. Ledolophu yenye yedolophu ezitsala nzima kwizinto ezininzi, eziquka ezemfundo. Ledolophu ixhagwe zilali ezininzi kakhulu, apho uninzi lwabantu ingabantu abangayanga esikolweni okanye abohluleka phakathi basiyeka. Minintsi ke imiceli mngeni ebangela lento, efana nokungabikho kwezixhobo zofundisa. Kwizikolo ezininzi kweliphondo, izixhobo ezifana neencwadi zolwazi (textbooks), idesika, izitulo nezinye endingazibalanga. Kwizikolo ezinjalo kunzima kakhulu kotitshala, otitshala kufuneka bakhuphe kubo ezipokothweni ukuncedisa kwezinye iimeko. Eliphondo liqhuba kakubi nakwiziphumo lesi-12 minyaka le, ngoba kaloku abantwana bahamba iiyure eziliqela besiya esikolweni, abanye baya esikolweni bengatyanga ngoba kaloku nendlala yinto egquba ngamandla kweliphondo.
iNgcobo ayiyoyodwa idolophu ejongene neengxaki kwezemfundo kweliphondo. Nakwezinye i-Districts ezifana ne-OR Tambo district kusenzima ukubhala nokufunda ulwimi lwesingesi. Iidolophu ezifana ne:
- Flagstaff
- Lusikisiki
- Bizana
- Libode
- ↑ www.statssa.gov.za https://www.statssa.gov.za/?p=6213
|url=missing title (help) retrieved 2026-06-12
This category currently contains no pages or media.