Ukuwa nokuvuka kuka Brenda Ngxoli
UBrenda Ngxoli ngumdlali we qonga oyinzalelwane yase mpumakoloni, kodwa ukhulele kwindawo ebizwa iKalk Bay [1] .Uke wavela kwimidlalo ebithandwa kakhulu luluntu i The Queen ne The River ukukhankanya embalwa. Udlale indima enkulu kulemidlalo yomibini de kwafikela ixesha lokuba kuphele isivumelwano sakhe nezinkampani. Lo ka Ngxoli uye wanyamalala ixesha elide engaveli ku mabonakude, phantse kwalityalwa ngaye. Kuthe kusenjalo, ngobusuku bomhla we 27 kweyoMqungu kulonyaka umiyo seva isankxwe kumakhasi onxebelelwano ngevidiyo ka Brenda Ngxoli etshintsha amazwi akrabaxa kunye nonina. Kule vidiyo umama ka Brenda usola u Brenda ngokuba uyamhlukumeza ngezigalo, ukubetha ke ngamafutshane [2]. Inimba novelwano ngemeko ka Brenda isike abaliqela boMzantsi Afrika ngesisehlo, kodwa uninzi lwabo ibingabendlu, amaXhosa ke ukutsho. Oko ke kukhokelele ukuba lo ka Ngxoli enzelwe ingxowa mali ethe yakhokelwa lithandazwe u Mandisi Tshingana. Eliphulo lalengxowa mali liqhutywe kumakhasi onxebelelwano u Facebook no X, ziye zamanyana izizwe zakhulisa imali ngokweminikelo yafika kwimali engapha ko R150,000 [3][4][5][6][7].
Osaziwayo baxhaswa ngabalandeli babo ngemali
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]EMzantsi Afrika asinto intsha ukuba oosaziwayo babethewle unontsizana, umzekelo uluntu selubethele abanintsi oosaziwayo imali ukuba balale betyile okanye bagcwatywe.[8]Omnye wabo yayingumculi owayeyindumasi u Lundi Tyamara, kwakukho izityholo ngaye ukuba kubhula-kuseliwa kwimiba yemali kangangokuba wade wabethelwa imali ukuba asiwe kwisibhedlela esikwiqondo eliphezulu ngexesha lokugula kwakhe ekwisibhedlele sika wonkewonke ngenxa yokuswela imali. Oko kwakhokela ukuba uMfundis Mboro azityumbe ukuba uzakuzihlawula iindleko zesibhedlele esikwiqondo eliphezulu kwisicelo sakhe sokuba u Lundi akhutshwe kwisibhedlele sika rulumente [9] Lo ka Ngxoli wongeza kwinani losaziwayo abaphela bezimpula kalujaca bakungafumani misebenzi, lenyewe yintsinda badala exake iijaji kuba umntu osebenzayo ulindeleke ukuba abenemali okuvimba othile ze kuthi xa efikelwa ngamaqhwa akhuphe kuvimba wakhe. Oonozazi bathi oosaziawayo beli lomzantsi Africa imali yabo bayivuthulula kubunewu-newu beliphakade, bathi bethenga iimpahla zexabiso, iimoto zikanokutsho babe besitya ubukhanana kwiiholide kumazwe aphesheya. [10]
"Sizakuxelela ukuba wenze ntoni ngemali yethu Brenda"
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ngenene, u Brenda uphumile ezincukuthwini emva kokuba ebethelwe imali yokuba aqale ubomi obutsha kunye nentombi yakhe, lo ka Ngxoli ubonakele egonene nosaziwayo u Vusi Nova ebonisa ukuba uthenge uncumo olutsha okanye ufakele amazinyo amatsha. Oko kwenze isankxwe kumakhasi onxibelelwano u facebook no X. Lo ka Ngxoli uziphendulele wathi, ukuvakashela kwakhe i House of Smilez ibikukuba ahlambe amazinyo wakhe hayi ukuba athenge amatsha. [11] kuthe kusenjalo u Brenda wafaka umfanekiso wakhe eze, oku kwenze isankxwe kwakhona kwikhasi lakhe lika Instagram no X. Abemi bomzantsi Afrika bamgxeke besithi mhla axakiweyo edinga uncedo uyanxiba kwaye uxwaya usana, kodwa xa sele elungelwe wenza izinto ezibalekisa umzimba. Abanye bavakalisa izimvo zabo ngalomfanekiso besithi ufuna ukwankelwa luluntu "Seeking Validation" bambi besithi uhamba ekhondweni loosaziwayo ngokunganxibi. Esi sehlo sibonakalise ukuba u Brenda uphunyiwe luluntu kwaye abanye bezisola ngokunikela ngeepeni zabo ukunceda u Brenda, kubonakala ngathi ufakwe kweyecuba ipokothi ngabembi boMzantsi Afrika ngenxa yokuba enze okuchaseneyo nezimvo zabo emva kokumkhupha edakeni. Ayikhontsha ke into yokukhalalwa komntu emzantsi Afrika, bambi bayibiziza i "Cancel Culture" ngolwimi lwasemzini. Baliqela abakhe bafunyanwa lolulwamvila, kuquka umculi weli u Lady Zama. [12]
Categories: Brenda Ngxoli Inkxasomali Oosaziwayo Cancel Culture[13]
Amaphepha Asetyenzisiweyo
- ↑ "Google Search" www.google.com retrieved 2025-04-22
- ↑ Digital, Drum "South Africans support actress Brenda Ngxoli as she exposes abuse from her mother" Drum (in en-US) retrieved 2025-04-22
- ↑ "Fans come to rescue of down-on-luck actress Brenda Ngxoli" SowetanLIVE (in en-ZA) retrieved 2025-04-22
- ↑ Lesemane, Lineo (2025-01-27) "Actress Brenda Ngxoli receives over R100k after distressing videos on social media" The Citizen (in English) retrieved 2025-04-22
- ↑ Mathebula, Nonhlanhla "EXCLUSIVE: Mandisi Tshingana on starting crowdfund for Brenda Ngxoli" Drum (in en-US) retrieved 2025-04-22
- ↑ "Fans raise R100k for Brenda Ngxoli after viral video of her arguing with her mother" TimesLIVE (in en-ZA) retrieved 2025-04-22
- ↑ Mkwananzi, Masabata (2223-05-09) "Brenda Ngxoli receives overwhelming support amid family drama" IOL (in English) retrieved 2025-04-22
- ↑ Walubengo, Peris (2019-07-26) "15 famous South African musicians and celebrities who died poor - Briefly.co.za" briefly.co.za (in English) retrieved 2025-04-22
- ↑ Levitt and Msibi, Jessica and Nonhlanhla (20 January 2017) "Pastor Mboro wants to move Lundi Tyamara to a private hospital - and pay for it!" https://www.timeslive.co.za retrieved 22 April 2022 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ Manuel, Marilynn (2022-09-06) "'I'd rather buy a Tazz': Mzansi reacts to Musa Keys' R100k fit" The South African (in en-ZA) retrieved 2025-04-22
- ↑ Lesemane, Lineo (2025-03-24) "'Attempt to destroy my integrity': Brenda Ngxoli denies using donations to buy new teeth" The Citizen (in English) retrieved 2025-04-22
- ↑ Mochele, Samantha (2024-10-26) "Cancel culture: The dark side of fame in mzansi’s celebrity scene" Bona Magazine (in en-US) retrieved 2025-04-22
- ↑ Grobler, Carien (2024-11-13) "Unfollowed S2: Spitch Nzwawumbi dives into SA's cancel culture storm" The Citizen (in English) retrieved 2025-04-22