Jump to content

Ukuwa kuka Kumkani Hintsa ka Zanzolo

Livela

Ithi imbali u Kumkani Hintsa wadutyulwa ngu Captain Southey eyalelwa nguNjengele Harry Smith. Bafika emi emanzini evele ngentloko ephakamise izandla esithi, "Tarhwa meva". Kwathi kuba uSouthey wathulula imbumbulu esondele kakhulu, ngoko wamphahlaza ubuchopho wayikhephula kubini intloko kaKumkani Hintsa. Emva koko bamhluba iingubo zakhe babelana ngazo. Babuya bagebhula amalungu athile omzimba wakhe khona ukuze bananise ngawo eNgilane. Abakubo bafika kumbono ombi kakhulu omasikizi, kwanyanzeleka ukuba amalungu aseleyo bawathwale ngofele lwenkomo bamfihla eNqabarha. Wathi akuziva ezondaba oka Sir Benjamin Durban, wancuma umfo omkhulu wavakala ekhala ngee "irredeemable savages" Yilonto uMaqoma inkulu kaNgqika wavuka umnyele wathi makuqulwe kwintaba zikaMathole. Axhoba afohlela amaRharhabe esithi kufayayo maxhalanga ndidleni. Bawahlabinela kabuhlungu amaNgesi bewatyakatya kanobom ngokungenalusini kumahlathi ashinyeneyo kumawa nemiqewe. Yaba lihlazo eNgilane into yokoyiswa ngamaXhosa. Wagxothwa Durban noSmith latshona emini ilanga. UDurban wabhacela eCanada wade wabhubhela khona emandundu. AmaBhulu akhetha ukuwela iGqili khona ukuze baseke iTransvaal noOrange Free State bebalemka umkhonto ongenalusini wamaRharhabe. Ngoko ukuwa kukaZanzolo zange kube lilize kuba igazi lakhe laphindezelwa ngamaRharhabe alubhelu abantu bembeko.[1]

Umlambo iNqabarha

UKumkani u Hintsa ka Zanzolo wawela kulomlambo iNqabarha nothi abe yimbali engasoze ilibaleke esizwe samaXhosa jikelele, uyakuhlala usisikhumbuzo sexesha lobu koloniyali, ukulwela inkululeko kunye nokuthathwa kobutyebi bomntu omnyama.

categories: Nqabarha King Hintsa Kumkani Hintsa ka Zanzolo Captain Southy

  1. Klaas, JJ (2023-10-15) Triangle of One Hundred Years Wars UJ Press ISBN 978-1-7764530-9-2