Ukutya okuthengiswa esitalatweni

Ukutya okuthengiswa esitalatweni kukutya okuthengiswa ngabathengisi bokutya ezitalatweni okanye kwiindawo zikawonke-wonke, ezifana njengendawo yentengiso, okanye epakini. Okukutya kuhlala kuthengiswa kwi nqwelo zokutya kwaye kwenzelwe ukugxotha indlala. Okunye ukutya kwasesitalatweni kufumaneka ngokomandla, kodwa okuninzi kuye kufumaneke ngapha kwemimandla yemvelaphi. Ukutya okuninzi ezitalatweni kuhlelwe njengokutya okutyiwa ngesandla kunye nokutya okuvuthwa msinya, kwaye kufumaneka ngexabiso eliphantsi kunokutya kwendawo yokutyela.[1] [2]Iintlobo zokutya ezithengiswayo ziyahluka phakathi kwemimandla kunye neenkcubeko kumazwe ngamazwe kwihlabathi jikelele. [3] [4] Ngokophando lwe-2007 oluvela kwi -Food and Agriculture Organization, abantu abayi-2.5 yezigidigidi batya ukutya kwesitalato yonke imihla. [5] Nangona ezinye iinkcubeko zikubona njengento ekrwada ukuhamba esitalatweni ngelixa usitya. [6] Uninzi lwabathengi abaphakathi ukuya phezulu ngokwemivuzo [7] baxhomekeka kukutya kwesitalato okufumaneka msinya nokufikelelekayo ngokwexabiso, kwisondlo semihla ngemihla. Kananjalo nangamathuba emisebenzi, ingakumbi kumazwe asakhasayo.
- ↑ Alimi, Buliyaminu Adegbemiro (2016-09-01) "Risk factors in street food practices in developing countries: A review" Food Science and Human Wellness 5 (3): 141–148 ISSN 2213-4530 doi:10.1016/j.fshw.2016.05.001
- ↑ Privitera, Donatella; Nesci, Francesco Saverio (2015-01-01) "Globalization vs. Local. The Role of Street Food in the Urban Food System" Procedia Economics and Finance 2nd International Conference 'Economic Scientific Research - Theoretical, Empirical and Practical Approaches', ESPERA 2014, 13-14 November 2014, Bucharest, Romania 22: 716–722 ISSN 2212-5671 doi:10.1016/S2212-5671(15)00292-0
- ↑ Wanjek, Christopher (2005) Food at Work: Workplace Solutions for Malnutrition, Obesity and Chronic Diseases (in English) Geneva: International Labour Organization ISBN 978-92-2-117015-0
- ↑ Privitera, Donatella; Nesci, Francesco Saverio (2015) "Globalization vs. Local. The Role of Street Food in the Urban Food System" Procedia Economics and Finance 22: 716–722 doi:10.1016/S2212-5671(15)00292-0 Unknown parameter
|doi-access=ignored (help) - ↑ "Spotlight: School Children, Street Food and Micronutrient Deficiencies in Tanzania" Rome, Italy: Food and Agriculture Organization of the United Nations February 2007 archived from the original on 9 April 2015 retrieved 20 February 2008 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ "History of Street Food and Interesting Facts" History of Fast Food (in English) retrieved 3 January 2021
- ↑ "Food for the Cities: Street Foods" www.fao.org (in English) archived from the original on 2020-07-21 retrieved 2020-03-15 Unknown parameter
|url-status=ignored (help)