Ukusetyenziswa kwemidiya luluntu

Imbali yemidiyayaqala kudala, yaqala xa abantu befumana ulwazi ngamaphephandaba, nomathotholo, kunye nomabonakude. Ezindlela zazisetyenziswa kakhulu ukusasaza indaba, imfundo, kunye nokuzonwabisa kuluntu. Ekukuhambeni kwexesha kunye nobugcisa ne-intanethi kwakhokela ekukhuleni kwemidiya. Kwaye kwabakho amaqonga afana noTwitter, Whatsapp, kunye noYouTube zatshintsha indlela abantu abafumana ngayo ulwazi [1].
Ukusetyenziswa kwemidiya yinto ebalulekileyo kulutsha lanamhlanje. Uluntu namhlanje alukwazi uphila ngaphandle kwemidiya ngoba kulapho abantu bafumana khona ulwazi, banxibelelane, kwaye bazivise kamnandi [2]. Kukho amaqonga afana noWhtsapp, TikTok, Facebook, kunye noYouTube. Kwimihla esikuyo abantu abakwazi uphila ngaphandle kwemidiya, lonto ibangelwa kukuphhliswa kweteknoloji rhoqo. Abantu abaninzi abasakwazi ukuphila ngaphandle konomathotholo babo ngenxa yemidiya.
Ukusetyenziswa kwemidiya rhoqo luye lwenza utshintsho olukhulu olufana nokuba abantu baziyeke indlela zakudala zokufumana ulwazi okanye bazivise kamnandi. Kudala kwakusetyenziswa oomabonakude kunye namaphephandaba ukufumana ulwazi nokuzivisa kamnandi. Abantu bangoku ingakumbi ulutsha alusenalo ixesha lezonto, abantu bakhathelele imidiya kuphela . Ababukeli bonomabonakude bambalwa kakhulu, abantu bakhetha ukubukela inkqubo ezithile kwi intanethi.
Imithombo wolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Evolving Media Consumption Patterns: From traditional to fragmented and on-demand" Eighty20 (in en-US) 2024-10-25 retrieved 2026-07-17
- ↑ "The Vital Functions and Importance of Media in Society • PubAdmin.Institute" (in en-US) 2025-10-22 archived from the original on 2026-07-17 retrieved 2026-07-17