Ukuqulunqwa nokubaluleka kwamaqhalo nezaci kwintlalo kaXhosa.

Amaqhalo nezaci awasetyenziswa ngamaXhosa kuphela, asetyenziswa zizizwe ngezizwe kwilizwe jikelele.[1] Maxa wambi uyakufumanisa ukuba ezi zangotshe okanye ezi ntetho zisondelene ntonje zahluka ngokubhalwa nokuphinyiselwa nanjengoko sineelwimi ezahlukeneyo.
Uqulunqo lwamaqhalo nezaci
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Uqulunqo lwamaqhalo nezaci kwenziwa ngokujonga isimo sentlalo, ukujongwa kwezimilo zabantu nezinto ezisingqongileyo, umzekelo, iintaka, izinambuzane, izilwanyana zasekhaya, nezilwanyana zasendle.
Olu qulunqo lubonisa ubuciko nobukrelekrele bengqondo yemveli kuba abantu bathatha isimilo sento ethile basinxulumanise nesimo sentlalo ze bakhuphe iqhalo nesaci esiqulethe imfundiso, okanye imo yexesha. Umzekelo, masithathe iqhalo elithi “Xa kumpondo zankomo”. Eli qhalo laqulunqwa emva kokuba abantu baqaphela ukuba xa kukusasa kakhulu zimpondo zeenkomo zodwa eziye zibonakale ebuhlanti ngenxa yokuba akukakhanyi kakuhle kusalele umbethe. Oku kwanceda abantu ukuba bakwazi ukuchana amaxesha nanjengoko kwakungekho ziwotshi mandulo, uve umntu esithi: “Wafika eDutywa xa kumpondo-zankomo, walindela uloliwe oya eRhawutini”, ukuveza ukuba lo mntu wadika eDutywa kwakusasa kakhulu, xa kukhanya iimpondo zeenkomo.
Ukubaluleka kwamaqhalo nezaci
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Amaqhalo nezaci asetyenziselwa izinto ezininzi ezahlukeneyo ezifana nokufundisa, ukukhwebula nokunqanda unyawo oluntenxayo kwanokubethelela ukuzingca nokuzazi.[2] Siphinde sijonge eli qhalo lingentla lithi "Xa kumpondo zankomo". UMesatywa eli qhalo ulichaza enjenje: “Ngexesha lasekuseni, onokuthi ukuba uye ebuhlanti ubone nje kuphela ukukhanya kweencam zeempondo zeenkomo. Lelo xesha ke elo, ixesha lombethe”.[3] Eli qhalo lisetyenziselwa ukwazi ixesha kwintlalo yabantu abasebenzisa indalo kuphela bengenabuxhakaxhaka bale mihla.
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Amaqhalo amaXhosa" Wikipedia (in Xhosa) 2025-04-03
- ↑ Mvanyashe, Andiswa (2019) "IsiXhosa Proverbs and Idioms as a Reflection of Indigenous Knowledge Systems and an Education Tool" Southern African Journal for Folklore Studies: 1 – via UNISA Press
- ↑ Mesatywa, E.W.M (1954) Izaci namaqhalo esiXhosa Cape Town: Longmans, green and CO p. 38 ISBN 9780636001718