Jump to content

Ukumbhatsha kwendalo

Livela
Ubusika
Ubusika

Xa bungena ubusika bubonakala ngokumbatsha kwendalo, bungena ngamaxesha angafaniyo ke ubusika ngokwendawo ngeendawo. Umzekelo eFreystata ubusika buqala ngenyanga ka Tshazimpuzi logama kweminye imimandla bungena ngenyanga yeSilimela. Impuma koloni ivamise ukuba ingene ebusika ngenyanga ka Canzibe logama iTheku lona lingabinabo nje kwaphela ubusika. Kuthe ke ngenxa yokutshintsha kwemoyezulu, sabona amaphondo athile imoyezolu yawo ingacaci ukuba kusebusika okanye ehlotyeni. Umzekelo, ubusika base Mpuma koloni buba nezandyondyo ze mvula, nto leyo yayingekho mandulo yaye ingafanelanga ukuba injalo ngokwendalo yemoyezulu[1]. Ukanti yona intshona koloni, ubusika bayo bunezikhukhula zemvula ekhatshwa yinkwankca. Nangona kunjalo kodwa uMzantsi Afrika lelona zwe linemoyezulu entle kwaye enika ithuba iziqhamo ukuba zikhule nemizimba iqhelane nemoyezulu eyahlukileyo, ukubanda nelanga[2]. Ubusika ngokwendalo yase Afrika lixesha lokuphela konyaka, kulapho indalo ingenathemba khona, ithi imbali ebanzi, lilixa apho Ikumkanikazi u Nomkhubulwane ashiywe khona ngumlingane wakhe, oli langa. Ngelixesha indalo idangele, imbatshile, izilile, ibonisa imeko akuyo u Nomkhubulwane, imbali ithi ilanga sube likhanyisa kumantla e Afrika (Egypt), zelibuye kumazantsi e Afrika kweyoMsintsi. Kulapho kuqala khona unyaka kuba indalo sele iphinde yadlamka futhi kuba ilanga libuyile, ukudlamka kwendalo kubonisa ukuvuya kuka Nomkhubulwane.

Categories: Winter Ubusika Climate Change

Amaphepha asetyenzisiweyo
  1. Reporter, Staff (2160-03-07) "Will climate change turn South Africa into a risky malaria zone?" Saturday Star (in English) retrieved 2025-05-02
  2. "Climate change is both sinking, and lifting, South Africa – DW – 05/02/2025" dw.com (in English) retrieved 2025-05-02