Jump to content

Ukulondolozwa kolwimi nokuhlonitshwa kweyantlukwano yeNkcubeko

Livela
International Decade of Indigenous Languages

Izwekazi uMzantsi Afrika uqulathe iilwimi ezimbhaxa, ngokwezibalo nokugunyaziswa ngu Rhulumente, zilishumi linesibini iilwimi ezisemthethweni[1]. Ngokwengxelo ka United Nations Educational, Scientific and Cultural (UNESCO), kubikwa ukuba qho emva kweveki ezimbini ulwimi lwasekhaya luyafa[2]. Oluphando lukhokelele kuphehlelelo lwephulo I International Decate of Indigenous Languages, eliphulo lisungulwe usukela kunyaka ka 2022 ukuya kunyaka ka 2032, lisungulwa liQumrhu lezizizwe ezimanyeyo I UNESCO. Eliphulo lithatyathwe ngamaqhumrhu aququzela ukuvuselelwa, ukulondolizwa nokuphucula kwelimi aliqela aquka I Pan South African Language Board (PanSALB) ne South African Center for Digital Language Resources (SADiLaR).

Ukugcina ulwimi lwenkobe, kukukhusela ulwazi lwemveli

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Iphulo i International Decade of Indigenous Languages ikhokelisa ukulondolozwa kweelimi zasekhaya kuba iqonda kakuhle ukuba oyena nozala wamasiko, iinkolela iinkcubeko zizsekelezelwe kulwimi lwasekhaya[3]. Eliphulo likhusela ulwazi lwemveli nokudluliselwa kwalo kwizizukulwana ngezizukulwana. Xa ulwimi lusifa, ithi lonto ulwazi lweMveli nalo luyatshabalala kuba ulwimi lwasekhaya lulo olusetyenziswayo ukudlulisa ulwazi lweMveli. Ewe nezinye iilwimi zasentshona ziyasetyenziswa ukufundisa kodwa kwimidaka emnyama, oko akukwazi ukwenzeka kuba aliqela amagama neentetha okungakwazekiyo ukuba ziguqulelwe kwezinye iilwimi.

Amaphulo afana ne International Decade of indigenous languages anika ithemba kwiilimi zasekhaya ezitshabalalayo, njengoko Iilwimi zasekhaya zijongene noxinezelelo lwe teknoloji kunye nobuxhakaxhaka balemihla endingabala kubo I teknoloji entsha I (Artificial Intelligence kunye ne Robotics). Obubuxhaka-xhaka budlala indima  edlalwa ngabantu, ibeka ulwazi lwemveli esichengeni kunye neelwimi ngokunjalo. Kodwa amaphulo afana neli lingasentla aqinisekisa ukuba iilwimi zasekhaya ziyavuselelwa zikhuselwe ngokuthi zifakwe kwi intanethi. Minintsi ke imisebenzi eyenziwa leliphulo, kweminye yayo kuquka amaphulo akhokelwe ngabantu abatsha ajongene nokuvuselelwa kweelimi kumaqonga e entanethi, elinye lamaphulo abo lalibanjwe ngonyaka ka 2023 apho kwakubanjwe khona iingxoxo malunga nokuphuhliswa kwelwimi kusetyenziswa I intanethi[4].

Eliphulo le International Decade of indigenous languages liye laphehlelelwa ngokusesikweni eMzantsi Afrika ngonyaka ka 2022 ngowasekuba ngowayesakuba ngu Mphathiswa woBugcisa ne Nkcubeko uMnu Nathi Mthethwa eThswane. Lomcimbi wawuzinyaswe ngabathandi bolwimi, izifundiswa, ababhali kunye nabaguququzeli bolwimi. Xandicaphula kwintetho yakhe u Mphathiswa Nathi Mthethwa, uthethe wathi “Ngokuka UNESCO, undoqo wokuphehlelelwa kweliphulo kukuqinisekisa ukulondolozwa nokuphakanyiswa kweelwimi zasekhaya. Eliphulo likwakhuthaza intsebenziswano kulwakhiwo lwemigaqo-nkqubo yolwimi”[5].

Categories: Iilwimi UNESCO International Decade of Indigenous Languages

Amaphepha Asetyenzisiweyo
  1. "Reflections on SA’s 12th official language | SAnews" www.sanews.gov.za (in English) 2024-09-30 retrieved 2025-05-19
  2. "Portal Jabarprov - Satu Portal untuk Semua Hal Tentang Jawa Barat" jabarprov.go.id (in en-US) retrieved 2025-05-19
  3. "2022 - 2032 International Decade of Indigenous Languages" 2022 - 2032 International Decade of Indigenous Languages (in en-US) retrieved 2025-05-19
  4. UNESCO (28 November 2023) "A digital future for indigenous languages: Insights from the Partnerships Forum" UNESCO retrieved 19 May 2025 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  5. Mahlokwane, James (2144-01-18) "Nathi Mthethwa launches roadmap for International Decade of Indigenous Languages" IOL (in English) retrieved 2025-05-19