Jump to content

Ukuhlalutywa kwemvelaphi yesiko lamahlubi

Livela

Ulwakulo lwesintu lwasemaHlubini luthathwa njengendlela engcwele yokutshintsha kwenkwenkwana isiya ebudodeni (Amakrwala). Elisiko alipheleli nje ekwalukeni, kodwa lugxininisa ekubumbeni isimo sengqondo, uxanduva, nembeko yeHlubi.

Izigaba Ezibalulekileyo Zolwaluko LwamaHlubi

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Isicelo esuthwini: Inkwenkwana icela kubazali nakumanyange akowayo phambi kokuba yandule ukuya esuthwini, sele ivunyelwe likhaya.

Ukuya Esuthwini: Ulwaluko lwenziwa endaweni ehloniphekileyo kude nelali, nalapho amakhwenkwe ehlala khona nabantu abathe babekwa likhaya ukuba bahlale nabantwana ngelixa bekuhambo lwabo besesuthwini.

Ingcibi kunye nabakhwetha: Ingcibi eqeqeshelweyo ukwenza utyando lolwaluko lwesintu, ukanti ikhankatha lijongane nomsebenzi wokuqinisekisa ukuba abakhwethwa bakhuselekile ngelixa bekuhambo lwabo olusingise ebudodeni, kwaye bayayithobela yonke imiqathango eyenziwa esuthwini.

Ixesha elicithwa ngabakhwethwa esuthwini: Amaxesha ahlalwa ngabakhwetha bamahlubi esuthwini ahlukene, abanye bahlala unyaka esuthwini, abanye inyanga ezintandathu, ukanti kwelicala laseMpuma-Koloni ukuyothi ga nge Sterkspruit abakhwetha babo bahlala inyanga esuthwini befundiswa imfundiso zakhona.

Ukuphuma kwamakrwala esuthwini: Ukuphuma kwamakrwala esuthwini kuba ngumbiyozo omkhulu kubazali babantwana abathe bathatha inqanaba lokuya esuthwini, yonke lomibhiyozo yosuku yokuphuma kwamakrwala esuthwini yenzelwa kwasosuthu apho kuvulwe khona iphempe, kuhlukane ngokwentsuku apho abazali bezakwenzela khona onyana babo imigidi abo bathe banamandla okwenza imigidi.

Umahluko Kunye Nezinto Ezingatshintshiyo

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amahlubi akholelwa ekubeni isiko lawo kufuneka lenziwe ngendlela efihlakeleyo neyintlonipho enkulu. Nangona kulemihla yanamhla sekwangenelela isebe lezempilo izinto azisenzeki ngendlela ekwakwenziwa ngayo ngexesha lamandulo, kodwa wona amahlubi asaliqhuba ngendlela eyiyo usiko lwawo nangokulandela imiqathango eyalelwe lisebe lezempilo ekukhuseleni kunye nasekuphatheli ngononophelo abakhwetha ngelixa besesuthwini