Jump to content

Ukudla kwakwaXhosa

Livela

Ukudla kwakwaXhosa kukudla okutyiwa sisizwe sakwaNtu, kwaXhosa.

Lo ngumzekelo wokudla kwakwaXhosa, umphokoqo.

AmaXhosa sisizwe esasixhomekeke ekuzingeleni nasekulimeni ukuze kudliwe mandulo. Ukudla kwakwaXhosa kokunye kwezidlo ezidume kakhulu eMzantsi Afrika apho inyama, umili-mili, iimbotyi ziyinxalenye enkulu yazo.[1] Njengokuba isisizwe esiwahloniphileyo amasiko nezithethe esi, kukwanjalo nasekudleni apho izidlo ezithile zityiwa ngabantu abathile ngelixa elithile, umzekelo, isibindi enyameni siye sibekelwe bucala amakhwenkwe ,ukanti inguba yona ityiwa ngamaxhego, abafazi badle ulusu.[1] KwaXhosa mandulo ukutya kwakungena xesha lithile, umntu wayesitya wova iphango ukuba lifikile kodwa ke ngenxa yempembelelo zaseNtshona, sele izidlo zinexesha apho zityiwa ngalo apho kuvame ukuqalwa ngesidudu okanye ipapa, kuziwe ngedinala ze kugqibelise ngesophoro.[2]

Iindidi zokudla kwakwaXhosa

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Zininzi kwaye zohlukene iindidi zokutya kwakwaXhosa apho ziquka:

  • Umphokoqo: Esi sisidlo esivame ukutyiwa ehlotyeni esenziwe ngomili-mili size sidutyelwe ngamasi ukupholisa umziba.
  • Umngqusho: Esi sisidlo esenziwa ngembotyi nisithi siphekwe ilixa elide ukuze sithambe, sityiwa ikakhulu ebusika.
  • Isonka sombhako: Sisonka esibhakwe eziko.
  • Umdoko/irhewu/ umcuku: Sisiselo esimuncu esenziwe ngomili-mili sahlaliswa ixesha ukuze sibele, sidleke.
  • Umleqwa: Le yinyama yenkuku eqinileyo ephekwe ingaqholwanga ethandwa kakhulu kwaXhosa.
  1. 1 2 Africa, Demand (2018-10-29) "A Guide to Xhosa Culture, Traditions and Cuisine" Demand Africa (in en-US) retrieved 2026-07-17
  2. "Xhosa cuisine: the dishes and traditions | Culture | History | Food | Family | Cape Town | Johannesburg | Bloemfontein | Durban | Nelspruit | Pretoria | Port Elizabeth | Polokwane | Kimberley | Northern Cape | Eastern Cape | Free State | Western Cape | Limpopo | North West | KwaZulu-Natal | Mpumalanga | Gauteng | Vibrant culture (GL)" www.southafrica.net retrieved 2026-07-17