Jump to content

Ukubulawa kuka-Uyinene Mrwetyana

Livela

U-Uyinene " Nene " Mrwetyana [1] (20 kuTshazimpuzi 2000 – 24 kweyeThupha 2019) [2] [3] wayengumfundi waseMzantsi Afrika kwiYunivesithi yaseKapa . Ngomhla wama-24 kweyeThupha 2019, wadlwengulwa waza wabulawa kwindawo ekufutshane neClaremont, eKapa . Ukubulawa kwakhe kwagqamisa ingxaki ebanzi yesizwe yobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini eMzantsi Afrika, [4] [5] [6] kwaye ubizwa ngokuba "ngokutshintsha ingqondo yoluntu lwaseMzantsi Afrika" [7] kunye "nokuvuselela intshukumo". [8]

UMrwetyana wazalelwa eMonti, eMpuma Koloni ezalwa nguNoma noPhilip Mrwetyana. [9] Wakhulela eBeacon Bay eMonti waza wafunda amabanga akhe aphantsi eHudson Park eVincent, [10] apho wayekhokela khona ibhunga labafundi besikolo waza wanikwa iwonga kuba waba ngumfundi obalasele phambili eHudson ngalo nyaka uthile. [11] UMrwetyana wafunda amabanga akhe aphakamileyo eKingswood Kholeji apho waphumelela khona ngo-2018, emva kokufa kwakhe wafumana iMbasa yeSikhumbuzo sikaNeil Aggett yesikolo ngo-2020. [12] [13] Wenza izifundo kwezemiboniso bhanya-bhanya kwakunye nezamajelo eendaba kwiYunivesithi yaseKapa emva nje kokugqiba isikolo samabanga aphakamileyo. [14]

Isiganeko kunye neenkqubo zomthetho

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukunyamalala kwakunye nokubulawa

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngomhla wama-24 kweyeThupha ngo-2019, uMrwetyana waxelelwa ngumntu owayesebenza eposini nowayezakuba ngumbulali wakhe, uLuyanda Botha, ukuba ipasela yakhe ayikulungelanga ukuthathwa kwaye kufuneka abuye emva kwemini, nangona iposi yayivalwa ngo-1pm. UBotha wayecwangcise uhlaselo lwakhe kwangaphambili, elungise nogxa wakhe eposini, uSoraya Abdullah ukuba aphume emsebenzini kwangethuba. Xa uMrwetyana efika emva kwexesha lokuvala, uBotha watshixa ucango emva kwakhe waza waqalisa ukumdlwengula. [15] [16] [17] Wamdlwengula waza wazama ukumkrwitsha, ngaphambi kokuba ekugqibeleni ambethe entloko ngesikhali esinobunzima obuziikhilogram ezimbini wade waphelelwa ngamandla. Wabuya ngosuku olulandelayo ukuze alande isidumbu sakhe waza waqhuba waya kwintsimi ekufutshane apho wagalela isidumbu sakhe ngepetroli waza wasitshisa. [18]

  1. Phakeng, Mamokgethi (2 September 2018) "Remembering Nene" University of Cape Town retrieved 24 August 2020
  2. "Funeral notice: UYINENE (UTHIXO) MRWETYANA" Daily Dispatch 4 September 2018 retrieved 24 March 2020
  3. Tanya Ferber (3 September 2019) "Post office where UCT student Uyinene Mrwetyana was killed closes its doors after walk-in" The Times ISSN 1996-5516 retrieved 3 September 2019
  4. Mogoatlhe, Lerato (2 September 2019) "Uyinene Mrwetyana's Death Shows South Africa's Femicide Crisis" Global Citizen (in English) retrieved 24 August 2020
  5. Charles, Marvin; Ishmail, Sukaina (4 September 2019) "Anger and frustration grips SA over gender-based violence" Cape Argus (in English) OCLC 848273689 retrieved 4 September 2019
  6. Hyman, Aron; Meyer, Dan (4 September 2019) "'We want Cyril', gender-violence protesters chant at WEF" The Times (in en-ZA) ISSN 1996-5516 retrieved 4 September 2019
  7. Khan, Jamil (12 September 2019) "Reforming your own humanity first, is key solution" The Sowetan (in en-ZA) OCLC 660155591 retrieved 24 August 2020
  8. "#IamNene: How Uyinene Mrwetyana's murder ignited a movement" News24 25 September 2019 retrieved 25 August 2020
  9. Dayimani, Malibongwe; Kretzmaan, Jenna (30 August 2019) "More detectives hunt for missing student" Daily Dispatch p. 3 retrieved 25 August 2020 via Press Reader
  10. Farber, Tanya (8 September 2019) "Murder in a post office that touched the entire country" The Times (in en-ZA) ISSN 1996-5516 retrieved 25 August 2020
  11. "Hudson Park is devastated by news of the loss of Uyinene Mrwetyana. Uyinene chaired our Student Council in 2013, and was awarded the Hudsonian of the Year award..." Facebook (in English) Hudson Park Primary School 15 August 2018 retrieved 25 August 2020
  12. Dordley, Lucinda (13 March 2020) "Uyinene Mrwetyana receives posthumous award" Cape Town Etc retrieved 25 August 2020
  13. Carlisle, Adrienne (12 March 2020) "Uyinene honoured with Neil Aggett memorial award" Daily Dispatch (in en-ZA) retrieved 25 August 2020
  14. Meyer, Dan (2 September 2019) "Missing UCT student Uyinene Mrwetyana was 'bludgeoned with a scale' in post office" The Times ISSN 1996-5516 retrieved 24 August 2020
  15. Nkanjeni, Unathi (24 August 2020) "Lest we forget: Uyinene Mrwetyana's murder remembered a year on" The Times (in en-ZA) ISSN 1996-5516 retrieved 25 August 2020
  16. Knight, Tessa (15 November 2019) "JUSTICE for Uyinene: Three life sentences for Uyinene's killer" Daily Maverick OCLC 1117734205 retrieved 25 August 2020
  17. Dordley, Lucinda (7 November 2019) "Details of Uyinene Mrwetyana murder revealed" Cape Town Etc retrieved 25 August 2020
  18. Etheridge, Jenna (15 November 2019) "Luyanda Botha handed 3 life terms for raping, killing Uyinene and defeating the ends of justice. Mrwetyana" News24 (in English) OCLC 44230895 retrieved 30 January 2020