Jump to content

Ukubhiyozelwa kosuku lwenkululeko eMzantsi Afrika

Livela
Nelson Rholihlahla Mandela
Nelson Rholihlahla Mandela

UNelson Rholihlahla Mandela yinzalelwane yaseQunu waba yinkokheli yokuqala emnyama kweli lomzantsi Afrka, oko kwabasesikweni ngonyaka ka 1994, ngomhla we 27 kuThsazimpuzi apho uluntu lwaqala ukubanelungelo lokuvotela urhulumente wentando yesinintsi. [1] Unyaka ka 1994 ngunyaka owaqhawula amakhamandela ka Rhulumente wengcinezelo, emva kuka 1994 abantu abamnyama baqala ukungcamla incamisa yenkululeko ekade beyilangazelela iminyaka. Emva kokuba ilizwe likhululekile, uluntu belulindele ukuba uRhulumente adoncule neengcambu zonke iinkqubo nemithetho yelixa lengcinezelo, kodwa zisekhona izikhalo ngeenkqubo zika Rhulumente. UMzantsi Afrika ubhiyozela iminyaka engama-31 usukela ilizwe lakhululekayo ku Rhulumente wengcinezelo. [2]

Le Nkululeko yeza ngempalalo gazi "This freedom is not free"[3]

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Unyaka ka 1994 ube ngunyaka wokukhanya nethemba kwabo babephila kwilixa lengcinezelo, phakathi kwezinye izinto ezazibalasele kwilixa lika Rhulumente wengcinezelo yayicacucalulo lobuhlanga. [4] U Mandela liqhawe eleza nenkululeko no Rhulumente wentando yesinintsi kungoko xa kubhiyozelwa usuku lwenkululeko kusoloko kubekwa igama lakhe phambili, kodwa lonto ayithi ezinye iinkokheli zange zibenagalelo kwinkululeko yeli. Manintsi amaqhawe athi awa emfazweni yokulwela inkululeko, abanye bawo aquka u Robert Sobukhwe[5], Steve Biko nabanye abaninzi. Usobukhwe kubikwa ukuba nguye owayekhokele uqhankqalazo olwakhokelela ku kwindykityha yokufa ebizwa ngoluba yi Sharpvile Massscre[6] ngolwasemzini. Ukanti igalelo lika Steve Bantu Biko lona, laligxile kakhulu ekuphuhliseni nokuxonkxa ulutsha ukuba luvakalise izimvo zalo ngorhulumente wocalucalulo weloxesha. Kangangokuba, namhlanje imisebenzi ka Biko ikhunjulwa kakhulu ngamaqumhru abafundi afana ne South African Student Organisation (SASCO), kwiiDyunivesithi zeli lo Mzantsi Afrika. Imbali ithi, lombutho wamatshantliziyo achasene nocalucalulo wasekwa nguye u Biko ngelixa engumfundi[7].

Iminyaka engama-31 kuRhulumente wentando yesinintsi

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Kwa Ncote
Kwa Ncote

Ingama 31 ngoku iminyaka uMzantsi Afrika uphantsi kolawulo lukaRhulumente wentando yesinintsi kodwa imimandla ethile isakhala ngeenkonzo zikaRhulumente ezingafikeleliyo kunye nezithembiso zikaRhulumente ezingafezekiyo. Bambi bakhala ngokuba basaphila kundalashe kuba bengaboni tshintsho kwiindawo abahlala kuzo. IInkonzo ezinomkhethe njengelixa lengcinezelo, iseyinto eqhubekayo ukwenzeka. Ilali yakwaNcote isadla ngendebendala, indlela, umbane, amanzi neengozi zendlela ziingxaki abajongene nazo. Inyanga nenyanga kulelali kubikwa ingozi yemoto, ingakumbi ehlotyeni kuba indlela yemoto ihamba ezintabeni, kwaye ayenziwanga kakuhle. Xa kuthethwa ngokwakhiwa kwamaphandle, ilali yakwaNcote yona ayixhamli konke-konke. Yiyo lonto kwiminyaka engama 31 sakhululekayo, kodwa uluntu lusakhala ngokuba le nkululeko yeyabantu abathile hayi wonke umdaka omnyama, bambi bathi kusafuneke silwele inkululeko logama sikuyo.

Categories: inkululeko Mandela URhulumente wentando yesinintsi Ucalucalulo


Amaphepha asetyenzisiweyo
  1. "Nelson Mandela" Wikipedia (in English) 2025-04-12
  2. "30 Years of Freedom | South African Government" www.gov.za retrieved 2025-04-23
  3. "Editorial | South Africa's freedom was not free, many sacrificed their lives" City Press (in en-US) retrieved 2025-04-26
  4. Press, The Associated (2024-04-27) "South Africa remembers an historic election every April 27, Freedom Day" NPR (in English) retrieved 2025-04-23
  5. Dall, Nick "Robert Sobukwe, the South African leader once as revered as Mandela" Al Jazeera (in English) retrieved 2025-04-26
  6. "Robert Sobukwe" Wikipedia (in English) 2025-04-25
  7. "South African Students Congress" Wikipedia (in English) 2025-04-05