Jump to content

Ukubaluleka kolwimi lweenkobe

Livela

Ulwimi lweenkobe lulwimi lwasekhaya ozalelwe kulo noluthethwa ngabazali. Kubalulekile ke ukuba wonke ubani alazi ulwimi lwakowabo njengoko liyinxalenye yemvelaphi yakhe[1]. Kaloku ulwimi kwenkobe luzele amasiko nolwazi bobuwena ukuquka nemvelaphi yakho.Kwixesha langoku uninzi lwabantu luyaphulukana nolwazi lolwimi lweenkobe nto leyo ibangela ukuya ekupheleni kwalo. Ukuze ulwimi lwethu silugcine kufuneka singaphulukani nalo. Kwindawo ezininzi esiphila kuzo kuphakanyiswa ulwimi lwasentshona ukodlula olu lwethu lweenkobe. Le nto ngomnye wonobangela bokulahleka kolwimi lwethu. Ubungqindilili bolwimi lwethu buyatshintsha ngenxa yokungabinalwazi lubanzi ngalo.

Singalugcina njani ulwimi lwethu lweenkobe

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Inyathelo lokuqala esinolithatha ukugcina ulwimi lwethu kukukhuthaza ukusetyenziswa kwalo rhoqo. Singaqala emakhaya ukuthuthaza abantwana ukuba baziqhelanise nalo kwaye bathethe lona. Abantwana abaninzi abakwazi ukuthetha ulwimi lwasekhaya ngenxa yezikolo abafunda kuzo kodwa lo nto mayingabanqandi ekulithetheni emakhaya nasekuhlaleni. Enye into esinoyenza kukuziqhelanisa nokufunda iincwadi ezibhalwe ngolwimi lwethu lweeNkobe. Ukufunda banzi ebantwini abadala abafana nomakhulu kunye notatomkhulu bethu kunganegalelo elihle nako njengoko bona besazi ngcono ngolwimi kwaye nentsusa yalo. Kaloku bona bayawazi amasiko nezithethe ezingqonge olu lwimi.

  1. https://isolezwelesixhosa.co.za/iindaba/2023-11-28-umntu-ululwimi-aluthethayo-utsho-ugqirha-grootboom/